‘Asimxhasi uXasa’

IiNkosi zeelali zaseXhorha zithi akukho ntsebenziswano izakwenzeka phakathi kwazo kunye nesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli ngeengxaki ezambethe iilali zaseXhorha.

Oku kusemva kokuba umphathiswa weli sebe uFikile Xasa etyelele iiwadi ezintathu zala ndawo ememelela iiNkosi ukuba zincedisane norhulumente ukulwa uqhankqalazo oluqhutywa ngabahlali.

UNkosi uVuyani “Zwelikhanyile”Gwebindlala uthi abakhange banikwe mbeko ngumphathiswa nesebe lakhe malunga nale ngxaki.

“Asikwazi kusebenzisana naye engakhange eze kuthi amamele avelise isicwangciso sabo kuthi ukuze kusonjululwe le ngxaki, kona kubi kakhulu kubantu bezi lali zethu,”utshilo uGwebindlala.

Lo ka Gwebindlala utyhola ela sebe ngelithi lingene kwezi hlali lingabaxelelanga beve sele kukhwazwa intsebenziswano phakathi kwabo norhulumente eqongeni.

“Mna andikhange ndiye nokuya kule ndibano ndive ngabantu besithi umphathiswa uthi iiNkosi mazincedise, kunzima ukunceda ungakhange waziswe ngendlela eyiyo,”uthethe watsho uGwebindlala.

UGwebindlala uthi, le ngxaki yambethe kanye ii,lali zakhe ezintlanu kwaye naye uxhalabile malunga noku.

“Okona kuphambili ndizakukwenza apha kukucela eli qela liqhankqalazo sithethe kuvulwe oku kwezikolo abantwana baqalise ukufunda ,” utsho umhlekazi.

INkosikazi yeNkosi uNo-ofisi Gwebindlala uthi ungcamle ngokwakhe ubukrakra bolu qhankqalazo.

“Ndihlawule imali engangamashumi amahlanu eerandi ukuze ndikwazi ukugqitha kubantwana abebevale indlela besithi mandiyithenge indlela ukuze ndigqithe,”ucacise watsho uGwebindlala. Le ngwevukazi ithi inyanzeleke ukuba ihlawule imali ukuze igqithe kwelo qela labaqhankqalazi.

Umphathiswa uXasa utyelele la ndawo ekuqaleni kwale veki esiya kucenga iiNkosi zemveli ukuba zingenelele ukulwa uqhankqalazo oluxake abantu kula ndawo.

“IiNkosi ziyinxalenye yolawulo lukarhulmente kungoko kumele ukuba zidlale indima ukulwa iingxaki ezisekuhlaleni ngoku- kodwa kwiindawo ezihlala kuzo ezi Nkosi,” utshilo uXasa.

Le ngxelo ithi zizikolo zamabanga aphakamileyo ezine eziquka iNgangolwandle, Gwebityala, Zwelenqaba kunye neqela lezikolo eziphakathi zivaliwe kule ngingqi kwaye akukho sisombululo sibonakalayo. Ingxaki yombane, indlela namanzi zezona zibangela olu qhankqalazo lungenalusini.

Othethe egameni lesebe uMamnkeli Ngam uthi, ngabantu abatsha abaphembelela le ngxaki.” Usodolophu usixelele ukuba umbane ophehlwe ngelanga ubufakiwe kwezinye iindawo abantu abatsha abawufuna besithi bafuna ukuba kufakwe umbane wakwa Eskom, ziingxaki ezinjalo ezilibazisa isisombululo kule ngxaki.