Asiyo Transkayi, yintoni?

Umzi kabawo ukuTsolo, kuNgcengane eMdilingweni kuJusefu; ndazalwa ndondlelwa khona. Emva kweminyaka sifumane idemokhrasi wafakwa eDyoki (Ugie) lo mmandla wakuthi, uneminye efana neCembu neGqaqhala.

IMbidlana phesheya kweGqaqhala, uMcwangele phesheya kweNkxu ngaphezulu ukugugutha ke wonke la mmandla wanikwa amaMfengu ngamaMpondomise, ezo ziphaluka zaya kuphoswa eNqanqarhu (Maclear/Makilele). YayinguTsolo wonke ke lo ndimbalulayo, ekwasuka ngabumini kwasa ezi ndawo sezibizwa ngazidolophu zimbi.

Zininzi ke iindawo ezehliwe yile mo kweli lizwe lethu, kusithiwa kulungiswa iimpazamo zangaphambili nendingaziyo ukuba zilungile na ke ngokwenjenjalo.

Iyasixakekisa ke thina matyathangubo le mo, ukuthi uzazi ukuba ungowaphi kusuke kufike umntu ongazange wambona nasemdudweni athi ungowandawo yimbi, kufuneke ukuba nawe yamkela leyo nto ithethwa ngulo mntu. Iphambene leyo nto!

Kutheni sendixelwa mntu wumbi ukuba ndingowaphi? Andizazi?

IDyoki le kuthiwa singabakuyo namhlanje sikhula ingummandla omiwe ngamaBhulu emfuyo nawokulima. Kwakungekho zilali zibalelwa phantsi kwayo.

INqanqarhu yayikwanjalo ke nayo, imiwe ngamaBhulu. Abantsundu bale mimandla babengabakuTsolo. UTsolo yayiyidolophu yabantsundu kuphela. Abelungu kuTsolo yayingabefundisi ababeze ngemicimbi yeetyalike, koomaNgcolosi phaya. Kwakungekho bambi ke.

AbaNtsundu baseDyoki yayingamaqheya (abaqeshwa bamaBhulu afuyayo nalimayo) awayekwabizwa ngokuba ngamalose. Sasibangcungcuthekisa ngokubagxeka ke abo bantu, sibaxambulisela ubuxelegu bokuba bengenamizi bexhomekeke ekukhongozweni imixhesho ngamaBhulu awayesile nawayesuka ababuthe ayo kubabeka ecaleni kwendlela ngobusuku mhla abagxothayo.

Sasibancoma ubufede ke ukuthi bakugqiba ukubabadala bahlalele ukuzenza amakhwenkwana amaBhulu, besenga iinkomo zawo, baluse imfuyo yawo, beqeqebulana amasimi awo.

Yayibubufede ke kuthi leyo nto, singasiboni isizathu sokuzixhaphazisa kwabo. Bona ke babesibiza ngokuba singabantu basekafile; besithi kusekafile ezilalini.

Leyo nkcaza babeyithatha kumaBhulu abo, ayesithi kusekafile kwindawo emiwe ngabantsundu bodwa, bazizikhwenene ke nabo bathi singabasekafile.

Uninzi lwethu bengubo kuNgcengane, ingakumbi phaya kuthi eMdilingweni kuJusefu, asikayamkeli into yokubizwa ngokuba singabaseDyoki. Sisazibiza ngokuba singabakuTsolo.

Sisonyeliso kuthi ukusuka kuse sesibizwa ngendawo esasiyincoma ukwenza abantu bakuthi amaxelegu, indawo yobulose nobuqheya.

Imizi yoobawo isekwezaa ndawo yayikuzo, neminyango isajonge empuma. Sisengalaa MaMpondomse sasizelwe singawo, uyiyeke indlela esele siphila yona ngenxa yemihla eyafikayo. Yintoni ke eguqukileyo?

Asihoyanga ukumazi nalowo mntu wazithathela isigqibo sokuba asibize ngandawo yimbi, thina siyazazi ukuba singabaphi. Ngokusingise kwiziko leenkonzo zikarhulumente siya kule ndawo kuthiwa leyo nto siyifunayo ifumaneka kuyo ngelo xesha, yaseDyoki okanye eKhowa okanye eNqanqarhu okanye kuTsolo okanye eMthatha, siyaya.

Le nto iyafana nje nale yemida yengcinezelo, oomaSiskayi noomaTranskayi noomaBhoda noomaRiphabhliki; abantu bamathidala ukuzibiza ngale mida, ingakumbi oweTranskayi noweSiskayi.

Ke mna andinasazela santo ukuthi ndingowaseTranskayi, enokuba omnye umntu uva njani na. Kambe ke kwakuthi apha kulula ukuthi singabaPhesheya kweNciba, ndingazi kwahluke ngani na ke ekuthini singabaseTranskayi. Eli gama lithi “Transkayi” lithi “Phesheya kweNciba” ngesiXhosa.

Lo mlambo afika awubiza iKei amaBhulu yiNciba elona gama lawo, siphesheya kwaloo Nciba ke thina bakoomaTsolo, ze abakoomaMonti babekuMneno Nciba. Buphi ke ububi ekuchazeni ngolo hlobo?

Ngoosopolitiki ke aba basikhomba apho singayi khona. Abanyali ukusikhomba indima esingayiboniyo, bathi yeyabo.

Kulungise ntoni kuthi singabaseDyoki?

Ukuthi singabaseTranskayi kona ntoni xa kanti asinyali ukuthi singabaPhesheya kweNciba? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.