Athe shu sisincwaso amanenekazi e-EFF

Abalali buhlayo abagqatswa booceba basetyhini be-EFF oko kwathi konekwa imifanekiso neenombolo zabo kumaqonga eminatha yonxibelelwano.

Kule veki, iEFF ipapashe imifanekiso neenombolo zeminxeba yabagqatswa booceba bayo kuba ifuna baziwe luluntu.

Oku kuza emva kokuba inkokeli ye-EFF uJulius Malema ivakalise ukuba xa ufuna ukuba ngumgqatswa we-EFF kufuneka ubengumntu ofumanekayo emnxebeni ubusuku nemini.

Yonke into ihlala inezibhoxi zayo ke kuba ndaweni yokufumana iminxeba ebuza ngezinto ezichaphazela intlalo yoluntu okanye ipolitiki, abantu abangamadoda bathabathe eli thuba betsalela abagqatswa basetyhini be-EFF, abakule mifanekiso, bebonakalisa isincwaso bambi bengena emxholweni begqula.

Eminye yale minxeba ibuza la malungu e-EFF ukuba ayafumaneka na kwezothando lo gama eminye incoma inkangeleko nokucikidizwa kwabo.

Abanye bakwaveze ukuba baxolele ukuthwala iimpahla zabo bayokuhlala kwindawo ekuhlala ezi ziphalaphala ze-EFF.

Indoda esebenzisa uTwitter, emva kokubona umfanekiso kaLulama Memela wakwaWadi 28 eDiepkloof eSoweto, ithe ifuna ukuya kuhlala eDiepkloof.

UThuli Xaba ongumgqatswa kwaWadi 53 eSoweto ufumana iminxeba yamadoda anxanelwe uthando nasezinzulwini zobusuku. La madoda athi axolele ukuya kuhlala kwaWadi 53 ngenxa yobuhle bale ntombi yakwaXaba.

“Ndifumene umnxeba osuka eLimpopo ofuna ukwazi banzi ngendawo endihlala kuyo. Kuza- kufuneka ndibe nenye inombolo yemiba yam yabucala,” kutsho uXaba okwathe uyawuqonda umgaqonkqubo wombutho wokubeka esidlangalaleni iinombolo zabagqatswa bawo.

isibhalo@inl.co.za