Awekho amagumbi okufundela eTyelimhlophe

Ababafundi baseTyelimhlophe kwaBhaca bexinene kwityalike yamaWesile. Umfanekiso: Umbhali Wethu

Inqununu yesikolo samabanga aphakamileyo sezolimo iTyelimhlophe KwaBhaca ithi ixhalabile yindlela isebe lezemfundo elisingethe ngayo umcimbi wolwakhiwo lwesi sikolo kwaye ngoku akabazi abafundi bebanga leshumi bazakufundela phi kunyaka ozayo.

Esi sikolo sivulwe kunyaka ophelileyo kwaye kulindeleke ukuba sibe nebanga leshumi ngo-2017. Inqununu uFikile Giwu uthe ngokwe sithembiso ezenziwa lisebe lezemfundo ngo-2013 bekufaneleke ukuba kunezakhiwo zethutyana kwaye ulwakhiwo luyaqhuba kodwa akukho naye ibonakalayo. 

Inkxalabo yakhe uthe linani eliphezulu labafundi abenza uGrade 11 abazakudinga amagumbi kunyaka ozayo. Uthe kungoku nje esi sikolo sixinene kwigumbi letyalike yamaWisile nakwisakhiwo esimagumbi mathathu esisandul’ ukwakhiwa ngemali yesondlo sabafundi kwaye amabanga ayalindana ukungena. 

“Sithe sakubona kungekhonto ide ize nesebe sacuntsula kule yokutya kwabafundi sacela namalizo kubazali sokha la magumbi mathathu. Awonelanga kuba esisikolo siqala ku Grade 8, kwaye siya ku Grade 12 kunyaka ozayo, andazi ukuba ndizobathini aba bantwana. 

Lusizi kuba baqhuba kakuhle kakhulu kwa Grade 11, silindele inani elikhulu lika grade 12,” utshilo uGiwu.

ITyelimhlophe kuphela kwesikolo sezolimo KwaBhaca, kwaye silangazelelwa kakhulu kuluntu. Kwiminyaka emibini siqhuba sesifumene i600 yabafundi. Kuye kwanyanzeleka ukuba sithumele malunga ne200 yabafundi kwezinye izikolo ngenxa yokunqongophalo kwamagumbi.

Le tyalike baxhwarhwe kuyo indala, sekukhe kwawelwa abafundi zizitena kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo. Ilungu lesigqeba sabazali abakwibhodi yesikolo uTomas Mapasa uthe bazamile ukukhawulelana nengxaki yesi sikolo kodwa ingaphezulu kwamandla abo. 

Umfundi uNolitha Lebokeng (15) owenza uGrade 8 uthe: “Mna ndeva ngokuvulwa kwesisikolo ndafuna ukuza kuso kuba ndithanda ukulima kodwa ngoku kunzima asinamagumbi kanti kwa awokuhlala siwabolekiwe. Sitshintshana ngegumbi lecawa eliwayo sesifane sithembe la amatsha mathathu. Sinqwenela isebe lisokhele ngokukhawuleza.”

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima uthe isebe liyothuka ukuba kunesikolo esivulwe kungekho sakhiwo kuba umthetho uthi makuqale kokhiwe kwandulwe ukufaka abantwana. Uthe isebe lizakuwuqwalasela umcimbi wase Tyelimhlophe.