Ayabhiyoza amapolisakazi eMdantsane

Ngelingenelela
kwimibhiyozo yamanina amapolisakazi ase Mdantsane ekhokelwe sisikhululo sase
Nyibiba azakuqhuba umbhiyozo wamanina ngomso umhla wamshumi amabini
anesithandathu kulenyanga. Ingxelo yesithethi samapolisa alangingqi uKapteni
Mluleki Mbi ithi benza oku ngenxa yengxaki ezikhoyo kwindawo abasebenza kuzo.”Esi
sikhululo sase Nyibiba sinengxaki yobundlobongela basemakhaya apho amakhosikazi
athi abe ngamaxhoba ezindlini zawo imihla ngemihla,”ucacise watsho uMbi. Lamapolisakazi
azakwenza oku ebambisene nesebe lezempilo,elezobulungisa isebe lentlalontle
kunye nombutho iThuthuzela.

 Amakhosikazi
aphuma kwindawo ezahlukileyo zase Mdantsane azakuba exhotyiswa ngendlela
ezahlukileyo zokuthintela nokujongana nengxaki zobundlobongela emakhaya. ”Sivala
lenyanga singenelela kuninzi labantu belizwe loMzantsi Afrika abathe bathatha
inxaxheba kumalinge okunika imbeko kumanina elilizwe,”uthethe watsho uMbi.
Inkulumbuso yeliphondo uPhumullo Masualle yena uzakuba evala lenyanga
yamakhosikazi eTobi Kula kwa Mlungisi eKomani kwangelixesha linye.

 Urhulumente
wephondo nokazwelonke kuquka nemibutho yabucala baqhube imibhiyozo nezikhumbuzo
ezikhumbula amakhosikazi eli awathi aqhuba uqhankqalazo olalujoliswe kwizakhiwo
zorhulumente wobandlululo ePitoli ngo 1956.