‘Ayindim, yifowuni ethumele amanyala’

INKOKELI yetyalike iTwelve Apostle’ Church in Christ (TACC) eMqanduli uHappy Mampofu, uyavuma ukuba yifowuni yakhe ethumele umboniso wezesondo kudade wale nkonzo, kodwa uthi yena akanalwazi lwawo.

Oku kuza emva kokuba uBusiswa Mdunyelwa (37) ekhalaze kubantu abakhulu baseTACC, abaquka uMpostile oyintloko uCaesar Nongqunga, ngelithi uthunyelelwe umboniso wezesondo nguMampofu ngoqhizi ekuseni kwisithuba seeveki ezintlanu ezidlulileyo.

Lo mboniso uveza abantu ababini, indoda nomfazi, besabelana ngesondo bekwabonakalisa izakhono zokwenza oku into engangemizuzu emithathu.

“Ndothuka andayikholelwa into yokubona amanyala ethunyelwa kwifowuni yam ngumfundisi endimhloniphe ngoluya uhlobo. Into eyandothusayo kukuba mdala kakhulu lo tata kum ukundithumelela amanyala anje.

“Njengomntu ohlala nonkosikazi wakhe, yaphinda yandothusa into yokuba andithumelele into enjeya ekuzeni kusa,” utshilo uMdunyelwa.

“Ukuba nje ndandihleli neqabane ngelalindishiye apho. Ngubani umntu oyenakuze akholelwe xa ndisithi andinanto yakwenza nalo mfundisi, xa endithumelela into enjeya,” kutsho uMdunyelwa.

Eziphendulela, uMampofu uthe: “Ewe lo mboniso wezesondo uthunyelwe yifowuni, kodwa mna andazani nayo le nto ukuba ithumeleke njani ukusuka efowunini yam ukuya kwekaBusiswa. Ngale ntseni kwenzeka le nto, mna ndandifunda ibhayibhile.”

UMampofu uthi ucinga ukuba ifowuni yakhe ithathelwe iinkcukacha (hack). I’solezwe limbuzile ukuba ebeqala kusini na ukubelwa iinkcukacha. “Ibiqala ukwenzeka le nto kum, andiyazi ukuba yenzeke njani. Emva kokuba lo mboniso uye kuBusiswa, nabanye abantwana apha endlini baye bawufumana lo mboniso kwifowuni yam, kodwa ndaxolisa,” kutsho uMampofu.

Ingaba ke ukhona omnye umntu okhe wawufumana lo mboniso wezesondo osuka kuMampofu, ngaphandle kwabantwana bakowabo noBusiswa, kubuze I’solezwe. Impendulo: “Andinalwazi lwabanye abantu abakhe bawufumana. Lo mboniso uye kuBusiswa andiwuphiki kuba usuka kwifowuni yam, kodwa mna andinalwazi lwawo.”

UMampofu uthi uzamile ukuxolisa kuMdunyelwa, kodwa uMdunyelwa uthi ngamampunge lawo.