Azingeni eMzantsi Afrika iinkukhu zaseZimbabwe

Isebe lezolimo, amahlathi nezolobo kweli loMzantsi Afrika linqumamise zonke iimveliso zenyama yenkukhu evela kwilizwe laseZimbabwe.


Ingxelo yela sebe ithi oku kungenxa yokuba kuvele ingxelo zokuba kuqhambuke isifo esichaphazela ngamandla iinkukhu kunye neentaka eZimbabwe iHighly Pathogenic Avian Influenza (HPA).


Othethe egameni lela sebe uBomikazi Molapo, uthi bafumene ezi ngxelo kurhulumente waseZimbabwe. “Ngomhla wesibini apha kule yeSilimela sifumene ingxelo zokuba kukho lo mkhuhlane ogqugqisileyo kwiinkukhu neentaka eZimbabwe ngokukodwa ezo zikhuliselwa ukuthengiswa,” uthethe oko uMolapo.

Uthi emva kokufumana ezi ngxelo banqumamise yonke intengo yenyama yenkukhu, amaqanda neenkukhu eziphilayo ezibuya kwelaseZimbabwe.


“Sihlola ngokumandla imithwalo yabantu, eyamashishini kwanaleyo yeenkampani ezinkulu ezifaka kwithwalo kweli, mida yonke engena eMzantsi Afrika isuka kwelaseZimbabwe,” utsho uMolapo.

 

Eli sebe lithi abo bafuya amadada, iinkukhu, iintaka namafama amancinane ukuba aqwalasele iimpawu ezingaqhelekanga kwimihlambi yabo yeenkukhu neentaka.


“Iphondo laseLimpopo lelona siqinise ngamandla kulo ukuhlolwa kwale mithwalo kwanempawu zesi sifo nanjengoko lihleli kumda nelizwe laseZimbabwe,” utsho uMolapo. 


Amafama eenkukhu akhuthazwa ukuba agcine iinkukhu zawo ngaphakathi zingadibani neentaka ezibhabha ngaphandle.


“Mazinikwe amanzi nokutya kwiindawo ezikhuselekileyo ukuze zingaphumeli ngaphandle zizikhangelela ukutya ukuze zingosulelwa zezo zinesifo,” utsho uMolapo. 


Ingxelo yela sebe ithi akukho cebo lokugonya iinkukhu likhoyo kweli loMzantsi Afrika. 


“Sikhuthaza amafama weenkukhu ukuba axelele amagosa wesebe ngayo nantoni angayiqondiyo enjengokugula kwiinkukhu zawo ukuze afumane uncedo nengcebiso,” itsho ingxelo kaMolapo.

 

Amafama mawathathe le meko njengengaqhelekanga de imeko ibuyele esiqhelweni, itsho ingxelo yesebe lezolimo, amahlathi nolobo kweli.