Baziva bekhuselekile kwiziko labaphila nenkubazeko

Utitshala waseSiyanakekela Disability Special Day Care Centre uMphumzi Stofile, ekunye nabantwana beli ziko UMFANEKISO: UTHUNYELWE

 Umseki weziko elikhathalela nelifundisa abantwana abaphila nenkubazeko eAdelaide, uNandipha Bomela, uthi ukufumana indawo ethe gabalala kwanezixhobo zokwenza lula umsebenzi wabo yinto ekudala beyilangazelela.

 

Oku kungenxa yokuba iSiyanakekela Disability Special Day Care Centre, ekuphela kwendawo ejongene nabantwana abagula ngengqondo kwanabo baphila nenkubazeko ngokohlukana kwabo, ithe yafumana inkxaso-mali kwifama yophehlo-mbane kusetyenziswa umoya yaseCookhouse  (Cookhouse Wind Farm).

 

Ukusukela ngonyaka ka-2015, le fama sele ixhase iSiyanakekela enabantwana abangamashumi amane, ngeekhompyutha kwanezixhobo zokujongana nemeko yabantwana abakhathalelwa kweli ziko.

 

Kutshanje le fama, ikhuphe inkxaso-mali ukongeza kumagumbi aseSiyanakekela.

 

UBomela uthe: “[Le nkxaso-mali] ibangele ukuba ilithi gabalala iziko lethu kwaye siziva sikhuselekile. Oku kuza kubangela ukuba ibengcono indlela esikhathalela ngayo abantwana bethu.”  

 

Igosa eliphezulu kwimisebenzi yoluntu kwiCookhouse Wind Farm uSizile Mabaso, uthi iinkqubo zabo zophuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni zijolise ekuphuhliseni uluntu, ukuze lukwazi ukuzimela.

 

“ISiyanakekela Special Day Care Centre inikeza eyona nkonzo ibalulekileyo kubantu baseAdelaide.  Siyazingca ngenkxaso yethu kweli ziko kuba aliyifumani nkxaso-mali kurhulumente,” kutsho uMabaso.