Babanjiwe ababhaqwe bebe iimpahla

Iimpahla ezifunyenwe kubahlali baseLuphindweni ebezibiwe kwifama iBluewater izolo ebusuku. UMFANEKISO: Amapolisa/Uthunyelwe

Bajongene netyala lokuba kwanelokuqhekeza ifama abarhanelwa abasixhenxe kuquka nababini abasengaphantsi ngokweminyaka kwifama iBluewater ekwilali yaseLuphindweni eMonti.

Oku kwenzeke ngobusuku bangoLwesine.

Aba baqhekeze le fama emva kokuqaphela ukuba umnini-fama unqabile, apho bathabathe oomatrasi bokulala abalithoba, isikhenkcezisi esikhulu esixabisayo, amatanki kaJojo, iimbiza zombane kwakunye nezitya ezixabisayo.

Isithethi samapolisa ala mmanda uKapteni Nkosikho Mzuku, uthi abarhanelwa abahlanu  baphakathi kweshumi elinesithandathu (16) ukuya kumashumi amahlanu anesihlanu (55) ubudala.

Uthi kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla yamatyala eMonti kungekudala. 

Ababini aba basephantsi ngokweminyaka bakhululwe kwaye baselugcinweni lwabazali babo.

UMzuku uthi emva kokuba kungene ityala, amapolisa enze uphando kwangoko azifumana iimpahla ezo kwimizi ebesele zithengiswe kuzo kwilali yaseLuphindweni kude kufuphi nefama.