IPirates igqithela kumjikelo olandelayo kwiTelkom

Thabo Qalinge of Orlando Pirates challenges Lerato Lamola of Golden Arrows during 2017 Telkom Knockout match between Golden Arrows and Orlando Pirates at Princess Magogo Stadium in Kwa Mashu in Durban South Africa on 28 October 2017 © Aubrey Kgakatsi /BackpagePix

Igowuli elifakwe
sisikhuthali somdlali, uThabo Qalinge, liyithathe i-Orlando Pirates
layokuyibeka kumdlalo elandelayo weTelkom Knockout emva kokubetha iGolden
Arrows ngo’1-0 kumdlalo obubanjelwe ePrincess Magogo Stadium ngale njikalanga.
UQalinge uphinde wabonisa ukuvuthwa kwakhe njengomdlali okwinqanaba eliphezulu namhlanje
ngokuthi alithathele kuye kwakhona uxanduva lokuqinisekisa okokuba iPirates
inento eyizuzayo emdlalweni.

Abafana Bes’thende
bawuqale kakuhle umdlalo ngokwabelana ngebhola besebenzisa isantya xa besiya
phambili – kodwa iPirates ikwazile ukubancothula ubuhlungu abazibalule ngabo ukusukela
ekuqaleni kwale sizini kwimidlalo yePSL. Emva kwexesha elithile, iBucs iye
yawuthathela kuyo umdlalo isebenzisa uMpho Makola, uThabo Matlaba noQalinge
esiswini nasemaphikweni. Ukufumana kwayo igowuli  iPirates akothusanga ngoba ikwazile ukudala
amathuba futhi isebenza ngokuzimisela.

Emva kokuya
kwixesha lokuphumla iPirates inkqenkqeza phambili, kwisigaba sesibini izinto
ziye zatshintsha. Abafana Bes’thende babuye ngamandla kwaye unozinti weZimnyama
unqande amanzi engena endlini amatyeli amaninzi. Iinguqu ezenziwe nguClinton
Larsen ziwenzile umahluko – kodwa nakwelayo icala iPirates ikwazile
ukubambelela nokukhusela igowuli elifumene kwigaba sokuqala somdlalo. Isiqalo esihle
seBhakaniya sinokulinceda iphulo layo lokubuyisela ubunganga bayo kwicalala
lokuthatha iindebe kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika emva kokuqengqeleka
kweesizini eziliqela kungekho nto esandleni.

Golden Arrows: Gumede, Mngwengwe,
Mzava, Dube, Nkombelo, Shongwe, Bilankulu, Lamola, Magubane, Mahachi.

Orlando Pirates: Mabokgwane, Chabalala,
Nyauza, Maela, Matlaba, Sarr, Makola, Qalinge, Lorch, Kutumela, Shonga.