Babanjwe bentsintsitheka neziyobisi eTinarha

Amapolisa aseTinarha abambe amadoda amathathu emva kokuba efumene iziyobisi kubo ezixabisa imali ephantse ifike kwisigidi seerandi.

Iingxelo zithi, amapolisa agqogqe iveni emhlophe afumana uhlobo lweepilisi zeziyobisi ezaziwa ngokuba yiTiki kwakunye neMandrax.

Isithethi samapolisa uSajini Majola Nkohli udize ukuba ngentseni yangoLwesibini phambi kwentsimbi yesixhenxe bafumene ulwazi oludiza ukuba kukho iveni emhlophe ehambisa iintsimbi nerhanelekayo.

UNkohla uthe, emveni kokufunyanwa kwale veni bayimise ecaleni bayigqogqa. Ngaphakathi kule veni bafumene iingxowa ezintathu zeziyobisi ziqhotyoshelwe ngocingo.

La maqhekeza eziyobisi axabisa imali engange-R912 000. Kukholelwa ukuba le veni ibilayishe ezi ziyobisi yeyenkampani ethile eseRhawutini.

UMajola uthi, kuye kwafumaniseka ukuba le moto yale nkampani kukrokrelwa ukuba liqela elithile elisebenza ngokuthutha iziyobisi phakathi kweli phondo leMpuma Koloni kwakunye naseRhawutini.

Aba barhanelwa babanjiweyo ngabaseRhawutini kwaye bathi bebesiya eBhayi.

Abarhanelwa bekulindeleke ukuba bavele phambi kweenkundla zamatyala aseTinarha izolo.