Babulewe eCacadu

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba endwendwele iintsapho zabantu abane ababulawa kwilali eZingqolweni eCacadu Umfanekiso : BHEKI RADEBE
Inkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba endwendwele iintsapho zabantu abane ababulawa kwilali eZingqolweni eCacadu Umfanekiso : BHEKI RADEBE

Kudala bebulawa abantu eZingqolweni

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba endwendwele iintsapho zabantu abane ababulawa kwilali eZingqolweni eCacadu Umfanekiso : BHEKI RADEBE

Abahlali belali yaseZingqolweni eCacadu bayangqinelana, bengqinelwa nanguNkosi Thandisizwe Mhlontlo ngelithi kudala kubulawa abantu kula lali. Le lali ekwaWadi 17 kuMasipala waseMalahleni idume kakubi kwiveki ephelileyo emva kokuba kubulewe abantu abane ngobusuku obunye, bebulawa ngokugetyengwa.

Kwingxoxo ibishushu phakathi kwabahlali, iNkulubaphathiswa yePhondo uOscar Mabuyane kunye noMkomishinala wamaPolisa eli phondo, uLiziwe Ntshinga, kuqave isikhalo sabahlali kwindlela asebenza ngayo amapolisi.

Kwelinye icala, abahlali abangakhange balifumane ithuba lokuthetha, batyhola iziyobisi ezixhaphakileyo kwiilali zaseZingqolweni. “Kulo nyaka uphelileyo u2020 bekudlwengulwe umkhuluwakazi wam wabulawa, babuya kwangoko abantwana ababe banjiwe,” kutsho uNomishini Yiko. UMkomishinala wamaPolisa, uLiziwe Ntshinga, unqande amanzi engena endlini, abahlali begrogrisa ngokuthathela umthetho ezandleni ukuba urhulumente wephondo akashukumi. Bambi kubahlali bamemelela ukuba kwakhiwe isikhululo sethutyana samapolisa.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba endwendwele iintsapho zabantu abane ababulawa kwilali eZingqolweni eCacadu Umfanekiso : BHEKI RADEBE

“Kudala kubulawa abantu apha, ngo1995 ngoDisemba kwabulawa

Inkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba endwendwele iintsapho zabantu abane ababulawa kwilali eZingqolweni eCacadu Umfanekiso : BHEKI RADEBE

amadoda amadala amathathu apha ngesizathu esingaziwayo, ndatyholwa ngokuba ndim obulele abo bantu, ndaya kuthathwa eKapa, ndavalelwa iinyanga ezintathu, baselapha phakathi kwethu abo bantu babe bulele loo madoda,” kutsho uPotyololo Matiwane. UZanemvula Pawuli ngumhlali wezi lali zilidabi lemfazwe kuMasipala waseMalahleni. “KuseBurundi apha eZingqolweni, ingakumbi kubantu abadala, urhulumente uyasidanisa ngokungasixhasi kwidabi lokuxhatshazwa zizaphulimthetho,” kutsho uZanemvula Pawuli.

Kumakhaya amane ahlaselweyo akukhange kuthathwe nto injengemali koko kubulewe nje amaxhoba kwegqithwa. “Abafuni mali aba bantu, kuba bagebenge nje beshiya amawaka amane namakhulu amahlanu komnye umzi, komnye umzi bashiye imali ekumawaka alithoba, asiyazi into abayifunayo, ” kutsho uPawuli.

INkulubaphathiswa icacisele aba bahlali ngesizathu esiphambili sokutyelela le ndawo.

“Silapha ukuza kuthetha nani xa ninonke, uMkomishinala wamaPolisa ebetyelele eza ntsapho izolo, ndihlehlise iingxaki zasePalamente ndeza apha, masisebenzisane namapolisa kuliwe ulwaphulomthetho,” utshilo uMabuyane.

Le Nkulubaphathiswa ityhole amadoda ngokuba ngunobangela wokubulawa kwabantu abadala ekuhlaleni.

“Ngamadoda, oobhuti okanye abafana abenze le nto, asingawo amantombazana okanye oomama,” kutsho uMabuyane.

Ngonyaka ongakhunjulwayo ngabahlali kuthwa kwabulawa abantu abane abangoomama kule lali. Ngonyaka ka2017 kubanjwe indoda eyayivingcele abantwana abangamantombazana ibadlwengula kwalapha eZingqolweni.

“Sisuka kwiindawo ezifana noMatatiele, kukho iingxaki ezinje ngale. Ukuba nisebenzisene nathi siza kuyilwa ngempumelelo ingxaki yokubulawa kwabantu apha! Ningathatheli umthetho ezandleni!” kutsho uMabuyane.