Bacoce iofisi besilwa iKhorona eChris Hani

Amagosa ecoca izakhiwo zikamasipala waseChris Hani emva kokufunyanwa komsebenzi osulelekileyo.

Zicocwe ngokungxamisekileyo ngentseni ngoMvulo wale veki iiofisi zoMasipala weSithili saseChris Hani ngelithintela ukunwenwa kwesifo iKhorona phakathi kwabasebenzi balo masipala.

UThobeka Mqamelo osiSithethi salo Masipala ucacisa unobangela wokucocwa kwezi ofisi.

“NgoLwesine nangoLwesihlanu umhla weshumi elinesine nomhla weshumi elinesihlanu kuCanzibe, abasebenzi bakwamasipala wesithili saseChris Hani benze uvavanyo oluthe lwanika iziphumo zokuba kukho umsebenzi omnye ochaphazelekileyo kwisifo iKhorona,” kucacisa uMqamelo.

Umasipala wesithili saseChris Hani uphakathi koomasipala ababekwe phantsi kweliso elibukhali ngurhulumente wephondo ngenxa yeziganeko zokubhaqwa kwesi sifo kulo masipala.

Ukuvavanywa kwabasebenzi akunyanzelekanga kwindawo abasebenza kuzo, ingakumbi xa kungekho zimpawu zibonakalayo ezinokubeka ubomi babanye abasebenzi emngciphekweni.

“Inkqubo yokucocwa kwezakhiwo iqale kwisakhiwo seSebe lezeMali kunye neSebe lezobuNjineli kuMasipala waseChris Hani, kulindeleke ukuba kugqithelwe nakwezinye iiofisi zethu,” kutsho uMqamelo.

Ukusukela ngenyanga yoKwindla, lo masipala wesithili saseChris Hani uhleli phantsi kweliso elibukhali emva kokuqhambuka kwesifo seKhorona kumngcwabo owawubanjelwe eBankies kwawadi 10 eMalahleni.

Umasipala wesithili saseChris Hani wenziwa ngoomasipala abasibhozo abaquka Intsika Yethu, Malahleni, Enoch Mgijima, Ngcobo, Nxuba Yethemba neSakhisizwe. Idolophu enkulu yakuKomani ozinze kuyo lo masipala ilisango lokungena imiqodi yeebhasi ezivela eKapa naseRhawutini yonke imihla.

Umdyarho weembaleki oqhutywa minyaka le kule dolophu noyinxalenye yokukhumbula owayesakuba ngunobhala jikelele kwiSACP, uChris Hani, awuqhutywanga ngenxa yeKhorona.

Ukanti ixhoba leKhorona elithe laphila ebeliminyaka ingamashumi asixhenxe anesibhozo liphile kwesinye sezibhedlele zesi sithili.

NgoLwesibini wale veki, amanani wabantu abosulelwe sesi sifo eMzantsi Afrika besimi kwishumi elinesithandathu lamawaka, bekumakhulu amabini namashumi asibhozo ababhubhileyo, logama behleli kumawaka asixhenxe namakhulu amabini abasele bephilile kuzwelonke.

Iphondo laseMpuma Koloni limi kwindawo yokuqala ngokwamanani wabantu abosulelekileyo.

Umbutho wezeMpilo kwihlabathi iWorld Health Organisation imemelela ukuba kwenziwe uphando labucala olungekho phantsi kukarhulumente lokukhangela imvelaphi yesifo iKhorona.

Oku kungenxa yezityholo ezenziwa ngamazwe athile athi kukho izinto ezingachazwanga yiChina ngeKhorona.