Bafuna iWeave ebizayo yomfundi waseWSU obengusozigidi

IMIFANEKISO: Siyanda Jantjies

 USibongile Mani, umfundi waseWSU obengundaba-mlonyeni ngenxa yokudyarhaza ngentywenka yemali, kunyanzeleke ukuba abizelwe amapolisa azokumhlangula kwingqumbo yabafundi abebefuna iingcaciso nge-R14 yezigidi zeerandi ebifakwe kuye “ngempazamo”.

 

Oku kuza emva kokuba umbutho wabafundi iPan Africanist Student Movement of Azania (Pasma) uthe wakhweba inkomfa noonondaba eCollege Street eWSU eMonti emva kwemini ngoMvulo. Le ndibano bekufanele ukuba ibanjelwe ngaphakathi kule yunivesithi kodwa iinkokeli zePasma zithe gqi nalizwi limbi lokuba iziphathi-mandla zaseWSU azivumanga okokuba ibanjelwe ngaphakathi kwizakhiwo zayo le nkomfa.

 

Oku kuye kwanyanzela iPasma ukuba iyiqhubele ngasendleleni ecaleni kwaseCollege Street le nkomfa, nalapho uMani ebetye tyum kulandela umpoposho wePasma wokuba akakakulungeli ukuthetha ngalo mba. Lo mpoposho ushiye abafundi baseWSU bengonelisekanga.

 

Kwisithuba seevekana, uMani uchithe imali engange-R818 000, eyidyarhaza noobhululu bakhe. Ngethuba ebefika kule nkomfa noonondaba, uMani ebezithe Afro, nto leyo ibangele oogxa bakhe babuze imibuzo: “Iphi iWeave le ibizayo ayithenge ngemali?”

 

Eminye imibuzo ihambe ngolu hlobo: “Utheni engazuthetha nje, ethethelwa? Ungusaziwayo njengokuba enabakhuseli nje?”

 

Inkokeli yePasma kwanetshantliziyo uVusi Mahlangu, uxelele oonondaba ukuba uMani ubhuqeka ngumvandedwa ngenxa yale meko. “Akakakulungeli ukuthetha noonondaba. Yimeko enzima le akuyo. Into eyenza ibenzima nangakumbi yiWSU ebonakala ingasihloniphanga isidima sakhe,” utshilo uMahlangu.

 

Lo mbutho iPasma, ngokomlomo wenye yeenkokeli zawo uVuyo Langeni, uthi aziyonyani iingxelo zokuba uMani akazange ayixele kwiziphathi-mandla le nkuntyula yemali. “Wayixela, kodwa iWSU yakhetha ukungayihoyi le nyewe,” kutsho uLangeni.

 

UMahlangu uthi iPasma ikulungele ukukhusela uMani ngokomthetho, xa kuthe kwavulwa ityala ngakuye. Emva kokuba kuphethulwe inkomfa noonondaba, abafundi baseWSU abakhange balawuleke befuna ukusondela kuMani. Lo mbhodamo ubangele ukuba iimoto zime ngxi kwisitalato iBuffalo neOxford eMonti, de kwafika amapolisa amthatha amsa apho ahlala khona uMani.

 

Phambi kokufika kwamapolisa, iinkokeli zePasma zizamile ukumisa amaphela (uhlobo lweemoto zikawonke-wonke), befuna ukuba akhwele kuzo uMani kodwa nkqi ukumisa abaqhubi bamaphela.