Bafuna umbane kwiMbizana yonke

USODOLOPHU waseMbizana uDaniswa Mafumbatha uthi baneenjongo zokugqiba ukufakelwa kombane kwiilali nakwiiWadi kunyaka ozayo.

Oku kulandela emva kokuba usodolophu ethe wade wabe uyalayita okokuqala kwilali yaseMpetsheni kwaWard 14 ngoMgqibelo kwimpelaveki esisuka kuyo.

Yimizi engaphaya kwelikhulu ethe yabe iyakhanyisa ngombane okokuqala ezimbalini eMpetsheni, Qadu kunye naseMkolweni.

UMafumbatha uthe kuluvuyo ukude kunikezelwe ngale projekthi kubahlali bakwaWard 14 nanjengoko bebengena bephuma kwiminyango kamasipala bekhalazela ukungabi nambane.

“ Luchulumanco novuyo okokuba ekugqibeleni side sanikezela ngale projekti kuba ibubungqina bokuba siyawafezekisa amaphupha nezithembiso zabantu singumasipala.

“Umasipala kunyanzelekile afezekise imisebenzi yokuzisa iinkonzo kuluntu kwaye uyaqhubeka nenkonzo ngokwehlukana kwewadi zaseMbizana,” utshilo.

Xeshikweni, umasipala waseMbizana sele ugqibe malunga ne81% kufakelombane kwiilali neWard.

Ngokukasodolophu, uthi bebezixelele ukuba ufakelombane kwilali zaseMbizana lobe luqoshelisiwe ngonyaka ka2019 kodwa mva nje balungele u2020 kuba kukhona iilali eziqhubeka ngokwanda. isibhalo@inl.co.za