Bagqejwe olungophiyo abahlali yiNkosi yabo

Abahlali belali yaseMzizi eMbizana bathi bagqejwe elingophiyo iduma ngokuhlawuliswa imali ekuthwa izakwenza ukuba bafumane imali zamabango omhlaba.

Abahlali batyhola uNkosi JongamaMpondo Mditshwa nebhunga lakhe ngokuthatha le mali esithi bazakufumana imali yembuyekezo yomhlaba.

Ingxelo ithi ziimali eziqala kwikhulu namashumi amahlanu eerandi (R150) ukuya kumakhulu amathathu eerandi R300 ezithathwe kubo ukusukela ngonyaka ka2014, kusithwa zabakufumana imali yembuyekezo yomhlaba.

UVeronica Sibiya uthi yena akakwazi kuyibala imali ayinike amagosa athunywa yile Nkosi ukuba ayihlawule ukuze afumane kwimali yamabango omhlaba.

“Kuthwe masibhalise sikhuphe imali, sinazo iziqinisekiso zokubhatala, ndikhuphe iR250 oko kuqala nakwisihlandlo sesibini ndikhuphe enye, ndagqibela nge R350 kusithwa siza kufumana imali yembuyekezo yomhlaba,” ekhathazekile utshilo uSibiya.

UMfanufikile Vusiwe uthi uhlawule imali ekumakhulu amabini namashumi amahlanu eerandi kusithwa uzakufumana kule mali yembuyekezo yamabango omhlaba.

“Siqale sothuswa kukuba asinawo kwamabango omhlaba thina, kwathwa ke masibhalise nokuba kunjalo ukuze sizokufumana kule mali yokubuyekezwa umhlaba, sibaninzi sinazo iziqinisekiso zokuhlawula kuNkosi namaphakathi akhe,” uthethe watsho uVusiwe.

Isebe lezemihlaba kweli lamisela inkqubo yokuhlawula ngemali okanye ngembuyekezo yomhlaba abantu abathi bakhutshwa kwimihlaba yabo ngurhulumente wobandlululo ngomthetho iNative Land Act ka1913.

Aba bahlali baseMzizi bavulwe imehlo ngumbutho wabahlali baseMijondolo eMpuma Koloni malunga noku.

Usihlalo walo mbutho uNtsikelelo Mathumbu uthi bazimisele ukubhentsisa konke ukuxhatshazwa kwabahlali eMzizi eMbizana.

“Sisoloko sisilwela amalungelo wabantu abahluphekayo abangayaziyo apho mabaye khona, uzakuphendula uNkosi Mditshwa,” uthethe watsho uMathumbu.

UNkosi JongamaMpondo Mditshwa uyaziphika ezi ngxelo ngelithi akatyanga mali.

“Ayikho le nto ithethwa ngabantu, ndicela uze apha eMbizana sithethane ngayo yonke le nto, bubuxoki, aba bantu babhidanisa izinto aba,”uthethe watsho uMditshwa.

Lo kaMditshwa akacacisanga ukuba abahlali babhidanisa ntoni na ntoni, akaphendulanga malunga neziqinisekiso zokuhlawulwa kwakhe ngabahlali.

Oligosa lesebe lezemihlaba eMpuma Koloni, uNaledi Sotomela, uthi kudala bebanqanda abantu ukuba bohlukane nokuhlawulela amabango omhlaba. “Kudala sisithi ebantwini xa edibene nento enje ngale mabakhangele i-ofisi yethu ekufutshane kulo ndawo akuyo, athethe negosa likarhulumente ngento edibene nebango lomhlaba, inzima ke le yokuba bakhuphe imali bengenawo namabango omhlaba, sizakuqhuba uphando ngesi siganeko,” uthethe watsho uSotomela.