Bahleli nje esikolweni, akho titshala

Abafundi besikolo samabanga aphantsi iKotana JSS beme ngaphambi kwamasango wesikolo sabo emva kokuba sivalwe ngabazali abanyanzelisa isebe liqeshe utitshala Umfanekiso: Anele Raziya

Abafundi besikolo samabanga aphantsi eNgqamakhwe, IKotana JSS bagqibela ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo ukuba kume utitshala phambi kwabo.

Unobangela kungokuba kunqongophele ootitshala kwesi sikolo sizinze kwilali yaseKotana, eNgqamakhwe.

Ekuqaleni kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo ootitshala ababini besikolo iKotana JSS bagaxeleka kwingozi yemoto.

Lo ngozi yabaneziphumo ezibi kuba omnye utitshala kwabo babini waphela ethatha umhlalaphantisi ngenxa yokungxwelerheka.

Ukanti omnye usaqhuba ukuhlohla abafundi nangona imeko yakhe imaxongo kuba washiyeka engaphilanga ncam.

Kwiveki ephelileyo ngoLwesibini abazali bavale amasango esi sikolo benyanzelisa isebe ukuba liqeshe utitshala ozakungena endaweni yalowo wathatha umhlalaphantsi.

Kulandela uthotho lwabo lwezicelo kwisithili sesebe lezemfundo eGcuwa becela kuqeshwe umfundisintsapho ozakuvala isikhewu. Usihlalo webhodi elawula isikolo, uBonisile Masekwana, uthi kudala becela isebe ukuba liqeshe utitshala ukuvala isikhewu.

“Kwathiwa masikhangele ngokwethu utitshala ozakube encedisa ngexesha abafundi bedinga,” kutsho uMasekwana.

Uthi bafumana umntu ozakuncedisa kodwa zange abhatalwa lisebe iinyanga de zantathu nto leyo ibangele abafundi bawuqale unyaka bedinga utitshala kude kube namhlanje.

Isikolo iKotana JSS sinabafundi abali122 bebonke kwaye bayachaphazeleka kulo mcelimngeni wokungabikho kotitshala.

Umfundi owenza ibakala lesixhenxe, uSimnikiwe Ngewu, uthi oko kuqale unyaka bafika bahlale nje esikolweni.

“Asenzi kwanto thina esikolweni kangangokuba sixhalabile xa sidlulela siyokufunda kwezinye izikolo ukuba sakwenza njani kuzo” kutsho uNgewu.

NgoLwesibini kwiveki ezayo kulindeleke ukuba abazali baqhube noqhankqalazo de isebe liphendule kwisikhalo sabo. Isithethi seSebe lezeMfundo, uMalibongwe Mtima, uthe uzakuqala athethe nesithili sesebe lezeMfundo eGcuwa phambi kokuba aphefumle. Xa sibuyela kuye imfonomfono yakhe ikhale yodwa, ingaphendulwa.