Bajikiswa ngaphandle kwamayeza ekliniki!

Ikliniki yaseLudalasi, eSajonisi Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Izigulana ezihambela ikliniki yaseLudalasi, eSajonisi, zikhalazela ukujikiswa ngaphandle kokunikwa amayeza ngelithi awekho.

UCebisa Ndunge noneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu ubudala nongumhlali waseMfadaleni, uxelele I’solezwe ukuba lo mkhuba kudala usenzeka kule kliniki.

“Inyaniso emsulwa kukuba thina apha ezilalini asihoywanga ntlobo kuba le nto yokungabikho kwamayeza kule kliniki ayiqalanga kulo nyaka kodwa kudala iqhuba,” utshilo uNdunge.

Watsho esithi abo banesigulo sokuwa babangamaxhoba okugula oko ngenxa yokuba abafumani mayeza kule kliniki.

“Umntu onesigulo sokuwa akufanelanga nakanye angawaseli amayeza akhe, kodwa apha bahlala bejikiswa nto leyo yenza ukuba bagule oko,” utshilo.

Omnye wabahlali baseMasameni ekuyenye yeelali ezithi zihambele le kliniki, uthe eyona ibuhlungu nangakumbi kukuyekwa bahlale iiyure ezininzi kanti abazufumana mayeza.

“Ngekungcono ukuba ngebesixelela kwangethuba ukuba masigoduke kuba akukho mayeza, kuba ngoku into abayenzayo bayakuyeka ufike uhlale ixesha elide kuzokuthi xa sele ufanele ubonane nonesi ubeve besithi goduka akukho nto baza kuyenza amayeza engekho,” utshilo umhlali.

UZimasile Mgoqi noneminyaka engamashumi amathathu anesine ubudala, uxelele I’solezwe ukuba bavuka kusemnyama ukuze bazokhawuleza babuye ekliniki kodwa kubuhlungu ukuthi sele befikile baxelelwe ukuba mabagoduke ngaphandle kokufumana amayeza.

“Khawufane ucinge xa uzokuphuma kwakho ngentsimbi yesihlanu kanti uza kubuya uphaca ungafumananga kwalo nto ubuyifuna.” Omnye wabahlali baseMngazana uthe ucinga ukuba esona sizathu sokuhlala bengenamayeza luninzi lwabantu abahambela le kliniki.

“Ewe sizokukhalaza kuba luxanduva lesebe ukuqinisekisa ukuba ikliniki inamayeza ingakumbi apha kuba ziilali ezininzi ezihambela le kliniki ngathi sisipaza,” utshilo umhlali.

Aba bahlali baqhube bathi isebe noko alinakohlulwa zizinto ezimbini.

“Xa bengafuni kusakhela ikliniki ezokuncedisana nale okanye bandise le, noko amayeza wona mabasinike kuba kaloku sizokufa ngaphandle kweepilisi, sixhomekeke kuzo, ngoku xa sijikiswa ngaphandle kwazo bathi masenze njani thina?” kubuza umhlali.

UNolusindiso Khethani noneminyaka engamashumi amabini anesithoba ubudala, uthi kunyanzeleke ukuba aye kumatshonisa ukuyo kuboleka imali yokukhwela ukuze aye kwesinye isibhedlele.

Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha uthe isebe licebisa uluntu ukuba lusebenzise indlela yokufaka izikhalazo ukuze bazokwazi ukufumana impendulo malunga nezikhalazo zabo. “Sinayo indlela apho siye sijonge ubungakanani bamayeza apha kwisebe.”