Bakhalazela intlawulo ephantsi abasebenzi bokucima umlilo

UCIMA umlilo ophenjelelwe kukungavisisani ngemivuzo phakathi kwabacimi mlilo beli nenkampani uWorking on Fires worhulumente weli.

Zintingele kwelaseCanada ngokungxama iziphatha mandla zenkampani yeli yezicima mlilo iWorking on Fire emva kokuba abasebenzi bale nkampani abangamakhulu amathathu bebeke phantsi zixhobo zokusebenza kwela lizwe.

Urhulumente ungenelele kweli dabi lemivuzo yambacimi mlilo beli abakwiphulo lokucima umlilo kwilizwe laseCanada emva kokuba beshiye amadlelo evutha ngelikhalazela intlawulo ephantsi.

Umongameli weli uJacob Zuma uyalele umphathiswa wezendalo uEdna Molewa kwakunye nesebe lobudlelwano namanye amazwe ukuba baqwalasele izikhalazo zemivuzo zababacimi mlilo.

Oku kudizwe sisithethi kwi-ofisi kamongameli uBongani Ngqulunga. Malunga namakhulu amathathu abacimi mlilo beli bathunyelwe kwelaseKhanada kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ngeliyokuncedisa kwiphulo lokucima imililo egqugqisileyo kwela zwe.

Eli nani lamkelwa ngezandla ezishushu, ngethuba ligaleleka kwela zwe, umoya walo uphezulu, livuma iingoma.

Kubeyiveki nje besebenza kwavakala ezokuba bazibeke phantsi izixhobo zokucima lo mlilo bekhalazela imivuzo ephantsi abayifumanayo.

Idabi lemivuzo liqale emva kokuba aba basebenzi befumanise ukuba intlawulo yamashumi amahlanu eedola, (nelinganiselwa ku750 weerandi) ingaphantsi kuleyo ilizwe laseKhanada livumelene ngayo nenkampani uWorking on Fire ebiququzelela ukuya kusebenza kwabo kwela zwe.

Abacimi mlilo bafumanise ukuba ngamashumi amabini anaye eedola abazifumanayo ngeyure, nethi xa seyidibene ngosuku ngamashumi amabini abawafumanayo abengaphantsi le.

Kwakula mashumi amahlanu eedola, abasebenzi banesivumelwano sokuba bazakufumana ishumi elinesihlanu kuphela ngosuku, ukuze amashumi amathathu anesihlanu kwimali yosuku bayifumane xa sebebuyele kweli emva kokuqukumbela lo msebenzi.

Isikhalazo saba basebenzi singenelelwe nayinkulumbuso yephondo iAlberta kwela lizwe uRachel Notley.

UNotley uvakalise elokuba aba basebenzi bekufanele ukuba bahlawulwa imali elingana neyabasebenzi kwela phondo. Uthe isivumelwano abanaso ne-arente ethumele aba basebenzi sese 170 yeedola ngosuku.

Ukutya nendawo yokuhlala ziyindleko karhulumente wela lizwe.

Uthe ayamkelekanga eyokuba abasebenzi bafumane imivuzo emincinci, nengaphantsi kwemivuzo esisiseko kwela phondo.

Umphathiswa wezendalo uMolewa ukhuphe ingxelo ethi uTrevor Abrahams kwakunye negqiza eliphuma kwinkampani uWorking on Fires, nomkomishinala omkhulu weli okwelaseKhanada uMembathisi Mdladlana, owayefudula engumphathiswa wezengqesho kweli ukuba balamle le mpixano yemivuzo phakathi kwaba basebenzi.

Abasebenzi bale nkampani abangamakhulu amathathu bathunyelwe eCanada ngokungxama kwiveki ephelileyo emva kokuba inkampani ecima umlilo kwela lizwe icele uncedo kuMzantsi Afrika.

Oku kungenxa yokuba izicima mlilo zela lizwe phantsi kwe arente ebizwa ngokuba yiInteragency Forest Fire zixakene namadangatya omlilo angalawulekileyo eFort McMurray.

Othethe egameni leWorking on Fire uLinton Rensburg ungqinile ukuba inkampani yabo ithumele amagosa amathathu ukuba ayekusabela ingxaki yabasebenzi.

Ingxelo ithi ingxaki ivele emva kokuba abasebenzi befunde inqaku kwiphephandaba elithetha ngemirholo yabo ngendlela engakhange ibanelise.

“Abaphathi benkampani bantingele kwela lizwe ukuya kusombulula ingxaki yabasebenzi kweliya laseCanada. Isicwangciso sabo kukuba babuyisele la madoda namakhosikazi kweli loMzantsi Afrika, andazi nokuba lo nto izakwenza kwangoko na,” uthethe watsho uRensburg.

Eli qela ligaleleke kwela lizwe ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga kaCanzibe emva kokuba befumene inkxaso emandla kumajelo eendaba ehlabathi nabantu boMzantsi Afrika.

Lo mlilo sele uthathe isithuba senyanga uqhubeka utshabalalisa amahlathi aseFort McMurray. Le ngxaki iqale mva kokuba amaphephandaba ela lizwe aquka iGlobe kunye neMail bekhuphe inqaku elithi izicima mlilo zeli zizakufumana imali efanayo noogxa babo baseCanada, yaqala ingxaki.

Ngokwengxelo kaRensburg ingxelo yala maphephandaba ibingachanekanga kwaye kungenzeka ukuba inyuse amathemba aba basebenzi malunga nemirholo yabo, lo gama beseCanada.

“Asinazo iingxelo ezichanekileyo ezingunobangela wale ngxaki. Kungoko inkampani ithumele eli gqiza labaphathi ukuba bayekusabela banzi ngengxaki yabasebenzi,” utshilo uRensburg.

Phambi kokuba lintingele eCanada ingxelo ithi umsebenzi ngamnye utyikitye isivumelwano esicacisa imirholo nezinye iinzuzo ezimayela nalo msebenzi waseCanada.

Inkampani yabo iWorking on Fire ibithembise ngokubanika imirholo yabo yesiqhelo ukuze urhulumente waseCanada abanike indawo yokuhlala nokutya. Ukanti urhulumente waseCanada kulindeleke ukuba ahlawule inkampani iWorking on Fire isixamali samashumi amahlanu edollar ngomsebenzi ngamnye.