Bamangalelene enkundleni kubangiswana ngomhlaba

Abahlali bakuBeyele beqhankqalaza ngaphandle kwenkundla kamantyi ngoMvulo. Umfanekiso: Malwande mantshule

Baphume ngobuninzi babo
abahlali belali yakuBeyele eNgcobo ngeliyokunika inkxaso kwisithathu
esimangalelwe kubango lomhlaba kule lali. 

Aba
bahlali bebevutha ngumsindo besithi indoda eyinzalelwane yaseHeshele uXakile Magalakanqa
ithatha amanxiwa wabantu ngetshova. Bakwatyhola ngelithi ukwenza oku exhaswe
ngowayesakuba ngusibonda wale lali owasuswayo esihlalweni.

UClifford Mantwana
oyibhodi kule lali uthi, iibhodi azonwabanga kukufumanisa oku kwaye umba
wokumangalelwa kwaba bantu bathathu kubenza umsindo nangakumbi bengabahlali. 

”Lo mfo wafika wacela inxiwa kuBeyele walinikwa ngaphandle kwengxaki, ngoku
yena ufaka iipali zakhe alime angenelele kumanxiwa abanye abantu. Abo bantu bafaka
isimangalo ebhodini. Simbizile lo mfo siyibhodi samxelele ukuba makalungise le
nto ayenzile wavuma” utsho uMantwana.

Uqhube wathi, endaweni
yokuba uMagalakanqa alungise le meko uye waqhubeleka wafaka ezinye iipali
ukogqitha ezi abezifakile. 

Abahlali baye babambisana, basusa ezo pali  kumanxiwa abo. UMantwana uthi uMagalakanqa uye wafaka isimangalo enqileni kuDalibhunga
Mgudlwa, osisibonda esinqunyanyisiweyo ngelixa kuphandwa izityholo zokulawula
ngegqudu esifakwe ngabahlali bakuBeyele kwi-ofisi kamphathiswa wobambiswano kurhulumento, nemicimbi yeenkokeli zemveli uFikile Xasa.

Eli tyala litsale umdla
wombutho ojengene nemiba yemihlaba emaphandleni kwidolophu yaseCala iSiyazakha Land and development Forum. 

Usihlalo
walo mbutho uDouglas Ntamo uthi ngokomgaqosiseko webiba yemihlaba akukho bani
unelungelo lokugqitha kumda womhlaba awusikelweyo.

 ”Sikhwankqisiwe kukufakwa
kwesimangalo esikumila kunje enkundleni kamantyi ngomba womhlaba ekufanele
ukuba uxoxwa yibhodi okanye inqila. Sifuna lo mba uphinde elalini inkundla
ayinandima kuwo” utsho uNtamo.

Iinzame zokufumana uMagalakanqa
ziwe phantsi, umnxeba wakhe ukhala wodwa. UDalibhunga Mgudlwa otyholwa ngokuba
nesandla kwiyantlukwano yabahlali akavumanga kuphefumla kulo mcimbi. 

Ityala
limiselwe umhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga. Abahlali bathi ukuba
inkundla ayibuyi ngamva lo mba uphinde ekuhlaleni iza kuba khona ingxaki.