Bangaya phesheya abaziqaqambise kwiPhaphama Festival

Abantu abatsha abathe bagqama emculweni, kwimidlalo yeqonga, kwimibongo nasemdanisweni kulindeleke bafumane ithuba lokuzibonakalisa kumaqonga amakhulu eYurophu ukuba izinto zihamba kakuhle ngokokutsho komnye wabaququzeleli bePhaphama Cultural Festival – uNomathamsanqa Ngoma.

Kwimpelaveki edlulileyo ulutsha lwaseMdantsane luzalise iholo loluntu kwaNU 10 – apho belukhuphisana kwimidlalo yeqonga, umdaniso, umculo nezinye izinto.

Eli velatanci lasungulwa nguNgoma nogxa wakhe uSipho Erol Ndotho ngo2010, injongo yabo yayikukulola izakhono zolutsha endaweni yabo.

Ukusukela ngoko, iPhaphama Cultural Festival ikhule kakhulu – kodwa kulo unyaka ibinochatha kwaye ishiye abaququzeleli bayo bengawuvali umlomo yimincili.

UNgoma uxelele I’solezwe okokuba inkqubela abayenzileyo iyabachulumancisa ukusukela mhla basungula le nkqubo yokubangulwa kwetalente ebantwaneni abasakhulayo.

“Umnyhadala wethu uhambe kakuhle kakhulu kwaye ubumhle. Ngosuku lokuqala sasilindele amakhulu amabini anesihlanu wabantu – kodwa sibone abantu abangaphaya kwamakhulu amathathu bethatha inxaxheba kwizinto ezahlukeneyo. Noxa silapha eMdantsane, sibone abantu abasuka kooNgqamakhwe kulo nyaka,” utshilo uNgoma.

UNomathamsanqa Ngoma uzimisele ukwenza umahluko kwindawo yaseMdantsane. Le ntokazi ingumdlali kwimidlalo emikhulu kamabonakude efana neRhythm City noZibondiwe.

Uthi injongo yabo yokwenza iPhaphama Cultural Festival kukuzama ukufumana abantwana abanetalente ukuze babase kwiindawo ezifana neGrahamstown Festival nakwezinye iindawo abaziwa [bona baququzeleli] kuzo eYurophu.

Kwincoko neI’solezwe, uNgoma uthe bathethathethana nabantu bamanye amazwe ngeenjongo zokufumana ithuba lokuqaqambisa izakhono zabantu abatsha abazibonakalise kwiPhaphama Festival kumaqonga amakhulu.

IPhaphama Festival ixhaswe ziinkampani ezahlukeneyo zaseRhawutini nesebe loBugcisa neNkcubeko kuzwelonke.