Baphunyeziwe ekuseleni amanzi asezadungeni

USodolophu waseNgqushwa uMnikelo Siwisa kunye nabahlali baseBhongweni, apho uSunlight kunye neSebe laManzi noGutyulo lwelindle bebeyokuphisa ngetanki lamanziUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

AMAKHOSIKAZI elali iBhongweni eNgqushwa alithakazelele inyathelo likarhulumente lokufakela itanki kule lali nanjengoko bebefudula behamba imigama emide ukuya kukha amanzi amuncu ezadungeni.

Kutshanje iSebe leMicimbi yezaManzi noGutyulo-lindle lityelele iilali ezimbini eNgqushwa – iBhongweni B neLuxolweni – apho lithe lanikezela ngamatanki amabini, elinye kwilali nganye.

La matanki afakelwe ngokuthi kwakhiwe amaphahla ngamazinki ethafeni ukukhongozela imvula.

Inkosikazi yaseBhongweni uNosekeni Mayedwa uthi amanzi anqongophele kule lali, ingakumbi kumaxesha embalela. “Sinyuka amaqhina, siyokukhangela loo manzi angcolileyo, kodwa siwasebenzise enjalo kuba awekho amanye esinawo. Lizakusinceda eli tanki, noxa nje lingonelanga,” utshilo uMayedwa.

Yena uNomhle Mbanxa uthi ngenxa yembalela ethe yathwaxa lo mmandla, bebesikha amanzi amuncu esaph’ ezadungeni. “Ebemuncu amanzi kuba atshiswa lilanga futhi amile, ngamanye amaxesha kuqubha iihagu kuwo,” utshilo uMbanxa.

Inkokeli yale lali uNkosana Zamile Kasper uthi ngebelivuyela eli nyathelo, qha into ebacaphukisayo “bubufede bamagosa karhulumente” ekukhawulelaneni nabahlali bale lali kwimiba yamanzi.

“Kwakufakelwe iitephu apha kudala, asiyazi ukuba zisebenza nini. Andiyazi ke itanki elinye lizakusincedisa njani,” utshilo uKasper.

UPhakamile Hobongwana wesebe lezamanzi nogutyulo-lindle uthi ukufakelwa kwala matanki kubonisa ukuba urhulumente uyayibona intlungu yokunqongophala kwamanzi kubahlali bezi lali.

USodolophu waseNgqushwa uMnikelo Siwisa ulamkele eli nyathelo esithi lizakuncedisa ukusombulula ingxaki yamanzi kwezi lali. Abahlali bezi lali bakwafundiswe nangeendlela zococeko eziquka ukuhlamba izandla liqela legqiza lakwaSunlight ebelihamba nala magosa karhulumente.