Baqweqwedisiwe abagula ngengqondo

Phandle, eKhululani Abantu Bam, kuNdabakazi

Ngabantu abagula ngengqondo abakumashumi amahlanu anesibhozo abathathwe ngetshova kwindawo ebibagcina engekho mthethweni kuNdabakazi eGcuwa ngaphandle kokwazisa iintsapho zabo.

Ingxelo ithi iziko iKhululani Abantu Bam, ligcina ngokungekho mthethweni abantu abagula ngengqondo emva kokubaqokelela esitalatweni naphantsi kwebhulorho eGcuwa.

Ongumlawuli wale ndawo uSese Sitali uthi yindibanisela yamasebe karhulumente aquka isebe lezempilo, isebe lentlalontle namapolisa oMzantsi Afrika athathe aba baguli.

“Ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga kufike ibhasi ezimbini kukho unkosikazi apha ezikweni, ezi bhasi zize kuthatha aba baguli, bathunyelwe kwindawo eseKirkwood ngaseBhayi, izihlobo azikhange zaziswe ngeli nyathelo, bendingenalwazi lako konke oku,” uthethe watsho uSitali.

Lo kaSitali waqala eli ziko ekuqaleni konyaka ophelileyo emva kokuqaphela ukuba kukho imfuneko yoko.

“Ndaqaphela ukuba akukho magosa karhulumente, nkonzo okanye bantu bazimisele ukunika ingqalelo imeko yaba bantu, bebesitya emgqomeni belala esitalatweni, ndacela ukusebenzisa le ndawo kwaTransnet ukuze ndibagcine,” ucacise watsho uSitali.

Xa befika aba baguli apha bathunyelwa esibhedlele ukuba baye kwenza uvavanyo lwezifo ezahlukeneyo ukuze kuvulwe umqulu wokugula kwabo, itsho ingxelo.

“Sinoomama abane abaphekayo noonogada ababini abagada imini nobusuku, bonke aba basebenza ngaphandle kwentlawulo, sibatyisa ukutya esikuphiwa kwindawo ezahlukeneyo ngenxa yokuba akukho ncedo silufumana kurhulumente nakumashishini abucala, sihanjelwa nangugqirha, iintsapho zabo azinangxaki,” utsho uSese.

Oku kwenzeka logama kugcadwa ngemibuzo amagosa esebe lezempilo kwiphondo laseRhawutini malunga nentlekele yokubhubha kwabantu abagula ngengqondo abakwikhulu namashumi amane anesithathu eSidimeni.

Iintsapho zala maxhoba zivakalise inkxaso yazo kwindlela abagcinwe ngayo abantu babo eKhululani abantu bam, logama bekwavakalisa umsindo wabo ngakwisebe lezeMpilo eMpuma Koloni.

UCynthia Nyembezi ngumama kaSisa Nyembezi othunyelwe kweli ziko laseKirkwood, uvakalise ukunganeliseki.

“Udade wethu ebeye kubona uSisa, waxelelwa ukuba akakho uthathiwe usiwe kwenye indawo, ayaziwa indawo abasiwe kuyo ukuba iphi, ayilunganga le nto yenziwe ngurhulumente, besingena ngxaki nale ndawo,”uthethe watsho uNyembezi.

UWele Mtshabe nguyise kaAndile Mtshabe, yena uthethe wenjenje ngale meko. “Sidelelwe, sajongelwa phantsi ngurhulumente, ukuba le ndawo ayikho semthethweni iphi enye esemthethweni, wenzani urhulumente ngaba bantu, asinaxesha lemithetho yabo, masihlonitshwe,”uthethe watsho uMtshabe.

Oligosa leHuman Rights Centre eQonce uMatshaya Maki, uthi uzimisele ukunika ingcebiso yasemthethweni kweli ziko nabazali bamaxhoba.

“Silapha ukuza kucebisa umnikazi wendawo nabazali ngelona nyathelo ekumele ukuba lithatyathwe, ukuba le ndawo ayikho mthethweni kutheni isibhedlele saseGcuwa sithumela abantu apha,” uthethe watsho uMaki.

Ukanti osisithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthethe wathi: “Aba bantu bebegcinwe kwindawo engekho mthethweni, kukho nezityholo zokuba bayabethwa, abekho kwindawo karhulumente kula ndawo,”utsho uKupelo.

Abangamashumi amabini anethoba kwaba baguli bathathwe lisebe lezempilo logama abangamashumi amabini anethoba bethathwe lisebe lentlalontle, abangamashumi amathathu anesithathu basagcinwe leli ziko.

Ukanti othethe egameni lamapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, walile ukungqina ukuba amapolisa ebekho ngethuba kuthathwa aba bantu.

siyabulela.mqikela@inl.co.za