Basengxakini oosinga-ngcibi

Ibhunga likazwelonke elibhalisa abakhi bezindlu i-NHBRC (National Home Builders Registration Council) kunye noMasipala waseMzimvubu batyityimbisele umnwe abo bakha izindlu ngekungeko mgangathweni nasemthethweni.

Oku kuvele xeshikweni i-NHBRC kunye noMasipala waseMzimvubu ebambe iphulo lokwazisa abahlali ngemigaqo-nkqubo ekufuneka ilandelwe xa ubani esakha indlu.

Ethetha nabahlalii kwirenki yase-Mount Ayliff apho eliphulo belibanjwe khona, kwiveki ephelileyo, uBongekile Phikwa wecandelo elijongene nolwakhiwo lwezindlu eMzimvubu uthe akukho semthethweni ukwakha indlu ungena sicwangciso sokwakha esiphunyezwe nguMasipala.

“Sibambisene neNHBRC sisungule eliphulo lokwazisa abahlali ngemigaqo- nkqubo ekufuneka ilandelwe xana umntu ezakwakha indlu kuba akukho semthethweni ukwakha indlu ungenasicwangciso sokwakha esiphunyezwe nguMasipala. Phezu koku indlu kufuneka ibhaliswe kunye no-NHBRC phambi koba yakhiwe,” utshilo uPhikwa.UPhikwa uthe abo bangawulandeliyo umgaqo wolwakhiwo kaNHBRC kunye noMasipala bazakutshutshiswa.

“Injongo yoku kukuqinisekisa ukuba abantu abakhelwa izindlu bakhuselekile.Ukuba indlu xa yakhiwe ngokungekho semthethweni iye ingahlolwa ngumasipala kunye neNHBRC ukuqinisekisa ukuba indlu ikhuselekile,” utsho uPhikwa.

Igosa lezonxibelelwano le-NHBRC kwiphondo leMpuma Koloni uSamkelo Gqeba uhlabe ikhwelo kubahlali ukuba baqinisekise abakhi babo babhalisiwe kwaye nezindlu zibhalisiwe ne-NHBRC.

“Xa usebenzisa umakhi obhalisiwe kwaye nendlu ibhaliswe nathi siye siyihlole ukuze siqinisekise ukuba umgangatho wokwakha ukwimo elungileyo. Kwaye indlu ebhaliswe nathi siye siyikhusele phantsi kwe-Warranty Scheme ejongene neziphene ezinokuvela kwisithuba seminyaka emihlanu.

“I-NHBRC izakusebenzisana noMasipala ekuqinisekiseni abo bakha ngekungekho semthethweni bayatshutshiswa,” utshilo uGqeba.