Basweleke besiya emsebenzini emva kokuba ibhaki yabo ibotyozwe nguloliwe

Ibhaki icandwe phakathi nguloliwe. UMFANEKISO: TWITTER

EKAPA: KUSWELEKE amadoda asixhenxe emva kokuba ibhaki ebekhwele kuyo ibotyozwe nguloliwe ngelixa ibinqumla isiporo eButtskop Railway Crossing eBlackheath ngoLwesihlanu.

Lityeli lesibini kubhubha abantu ngolu hlobo kule ndawo. Kwasweleka abantwana besikolo abalishumi ngo2010 emva kokuba isithuthi sabo sagilwa nguloliwe. Umqhubi weso sithuthi Jacob Humphreys wagwetywa iminyaka esibhozo.

Isithethi samapolisa uAndre Traut uthe la madoda ebesiya emsebenzini ze ibhaki yawo yaxinga esiporweni ngelixa ibotyozwa nguloliwe. Uthe le ngozi yenzeke malunga no5:45am ngentseni. “Kusaphandwa unobangela wale ntlekele. Aswelekile onke amadoda ebekhwele kulo bhaki,” utshilo.

UMetrorail ukhuphe isibhengezo esithi baza kuqhuba uphando oluza kukhokhelwa yiRail Safety Regulator ukufumana unobangela wale ngozi.

Umphathi weMetrorail kweli phondo uRichard Walker uthe: “Yingozi le kwaye sithandaza kunye nezo ntsapho nanjengoko besadandathekile emva kokuphulukana nezizalwane zabo.”

URichard Coleman wesixeko saseKapa uthe kungokunje ivaliwe le ndawo yokunqumla isiporo iButtskop Railway Crossing. “Akwaziwa ukuba iyakuvulwa nini na. Silinde amapolisa agqibe uphando,” utshilo.


Isithethi sikaMetrorail uZino Mihi naye uvumelene noTraut ukuba le bhaki iye yaxinga esiporweni. “Akukho mntu unetyala apha.”


Unobhala weUnited National Transport Union (UNTU) uSteve Harris ubongoze abaqhubi ukuba bajonge phambi kokuba banqumle isiporo sikaloliwe.


“Sixhwalekile kukusweleka kwabantu abasixhenxe emva kokuba ibhaki ingqubene nololiwe eButtskop Level Cossing eBlackheath ngale ntsasa. Imbi into yokuba abasebenzi abangenatyala babhubhe ngenxa yokuba umqhubi wabo engajonganga phambi kokuba anqumle.  Le nto yenzeke kwakula ndawo kwabhubha kuyo abantwana besikolo abalishumi emva kokuba isithuthi sabo sabotyozwa nguloliwe ngo2010.”

Uthe ukumisa kukaloliwe kuxhomekeka kwisantya ahamba ngaso. “Akukhonto anokuyenza umqhubi kaloliwe ukuba umqhubi wemoto enqumla isiporo akaqaphelanga ukuba ukude kangakanani na uloliwe,” utshilo uHarris.

Ngokobuxhakaxhaka esiphila kubo namhlanje, bungakhona ubuchule obunokunqanda iingozi ezenzeka xa kunqunyulwa isiporo, utshilo.

“Abezomthetho mabazise izohlwayo ezingqongqo kubaqhubi bezithuthi abafunyanwa bengunobangela wezi ngozi,” utshilo uHarris.