Bathi phantsi ngobuhlanga eMelika

Ingxaki yokubulawa nokuxhatshazwa kwabantu abamnyama eMelika izakufumana ingqwalasela eyodwa namhlanje eKapa ngethuba imibutho eyahlukeneyo izakuqhuba uqhankqalazo olujoliswe kwii-ofisi zomzi wozakuzo waseMelika eSteenberg eKapa.

Ingxelo ithi iphulo labafundi i#FeesMustFall lilo elikhokele iinzame zokubonakalisa inkxaso kubantu abamnyama baseMelika abaphila ubomi bentshontsho ngenxa yebala labo.

Othethe egameni leli phulo uLundi Mazizi uthi babambe indibano yobusuku bonke bexoxa ngezinto ezahlukileyo.

“Sidibene sisuka kwimibutho eyahlukileyo saqhuba umthandazo sikwafundiswa zizithethi ezahlukileyo ngembali yengcinezelo yabantu abamnyama eMelika,” ucacise watsho uMazizi.

Eli qela labantu ligqithise uxwebhu lezikhalazo zabo bekhalazela ukucinezelwa kwabantu ababanjwa bebulawa imihla yonke ngamapolisa aseMelika.

“Senza oku emva kokuba kwisiganeko sokugqibela sokubulawa kwabantu abamnyama eMelika kubulewe uAlton Sterling kunye noPhilando Castile bebulawelwa into engekacaci nangoku,” uthethe watsho uMzizi.

Le ndibanisela yemibutho ityhola urhulumente welizwe laseMelika ngokuphembelela ukuxhatshazwa nokubulawa kwabantu nabantwana abamnyama eMelika.

”Bayasibulala oko babesibulala kudala, kwaye asisoze siyeke ukulwela inkululeko yomntu omnyama emhlabeni,” utshilo uMazizi.

Abantu abaphuma kumazwe ahlukileyo aseAfrika abahlala kweli loMzantsi Afrika bebeyinxalenye yalo mgushuzo, itsho ingxelo.

“Le migushuzo sizakuyinabisela kwiindawo ezahlukileyo zelizwe loMzantsi Afrika namanye amaphondo azakuthatha inxaxheba kungekudala,” itshilo ingxelo kaMazizi.

Umongameli welizwe laseMelika uBarack Obama kutshanje umemelele uzinzo kubantu besizwe sakhe emva kokuqava kweziganeko zokuhlaselana eMelika.

“Sonke sikuchasile ukubona kukho amaqela abanqolobi nokuba kuphi emhlabeni, ngoko ke kufuneka ukuba sisebenzisane sisonke silwe ingxaki singavumeli ubuhlanga ukuba bungelele kuyo yonke le ngxaki,” ucacise watsho uObama.

Umqulu ozakugqithiswa kula mzi wozakuzo waseMelika eKapa uquka ukupheliswa kweendlela ezingekho mthethweni ezisetyenziswa ngamapolisa ela lizwe xa ebamba abantu abamnyama.

siyabulela.mqikela@inl.co.za