Bathweswe izidanga abafundi baseSilulo

Alufikanga lugalelelekile ukhanyiso nolwazi kwezobuchwephesha ezilalini.

Oku kucace ngethuba kuthweswa izidanga abafundi bekhompyutha baseSilulo Ulutho Technologies eCofimvaba kwimpelaveki edlulileyo.

Oku ibikokokuqala ukwenzeka ezimbalini kweli ziko lobuchwephetsha elivulwe kweyeNkanga ngo2015, iziko elilawulwa ngokubambisana nguNobubele Matamo noSivuyile Mtyuda.

Ngabafundi abangama31 abebeqeqeshelwa ikhompyutha ukusukela kweyoMqungu, kwathi ke kule yeKhala bakugqiba uqeqesho lwabo bathiwa jize ngezatifiketi zabo, bembejembeje yimiwunduzo nemixwayo kulo msitho.

UMatamo ukhuthaze abafundi ukuba baqhubeke nokuba zizibane ezikhanyayo kwiindawo ngendawo, besebenzisa ulwazi abalufumene eSilulo, nanjengoko benze imbali ngokuba kuluhlu lokuqala nophawu lwempumelelo yalo mzi wemfundo.

“ Akonelanga nje ukuba nifumane izetifiketi kodwa nibeke iCofimvaba neNtsika Yethu emephini, kwaye nibe yinxalenye yokuzalisekisa iphupha lethu lokuba ngenene silulo uncedo. Sibulela kuThixo ngokuzinikela kwenu nangenkxaso yenu.”kutsho uMatamo

ULonwabo Rani ongumalathisi nomnye wabaseki beli ziko laseSilulo Ulutho Technologies ubalise ngemvelaphi yalo mzi , amanzithinzithi anamhlandinyuka obomi nentlupheko ahlangene nayo yena nomntakwabo uLuvuyo phambi kokuba kuthi ekugqibeleni kubekho iSilulo.

“Sifunde ukuzimela sisebancinci noLuvuyo umntakwethu, sithengisa iilekese esikolweni ukuze sincedisane nomama owayengathathi ntweni.

Ukusokola kusifundise ukuba sikwazi ukuthengisa, sibe nembeko simazi umntu, simhloniphe sazi ukuba simdinga kakhulu ukuze siphumelele.”

Phakathi kwabafundi uNolubabalo Nonzenze, Irvine Hwata, Akhona Msitshana, Thuliswa Maxakatho abawuvali umlomo luvuyo nochulumanco lokuba yinxalenye yaseSilulo.