Bavele ezinkundleni ababulele ipolisa laseCala

Bavelile ngoMvulo kwiinkundla zamatyala zaseKaladokhwe abarhanelwa abane ababandakanyeka ekuphangeni ivenkile ekwidolophu yaseCala nalapho badubula abantu kuquka nepolisa uConstable Vincent Gungqa owayengaphangelanga ngaloo mhla.

UGungqa (44) udutyulwe kuLwesihlanu odlulileyo ngethuba abarhanelwa abasixhenxe bangena kubhazabhaza weevenkile bexhobe ngemipu, oko kudizwe ngookhetshe beli phondo.

Omnye wabarhanelwa wadutyulwa wabhubha kwangoko Aba barhanelwa, nguMasithembele Mbali, 37, Xolisile Maawu, 31, Simphiwe Mkheselele, 32, noCingile Jamda, 32.