Bavingce inkundla yaseMaluti abahlali

Bazalise inkundla ngaphandle eMaluti, behlabela amagwijo bekwaxhuma-xhuma abahlali belali yaseMasakala ngethuba befuna inkundla ikhulule abarhanelwa abathathu abaphakathi kwamashumi amabini ananye ukuya kumashumi amathathu ubudala, ababulele umfana oneminyaka engamashumi amathathu owaziwa ngokuba ngumgulukudu omkhulu kula mmandla.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Raphael Motloung, ithi abahlali eyona nto bayifunayo kukuba bakhutshwe abarhanelwa abathathu kwaye nesicelo sabo sebheyile masivunywe kuba ixhoba eli libhubhileyo belibaphilisa kabuhlungu. UMotloung uthi ixhoba libulawelwe kwindawo yentselo kwilali le yaseMasakala ngempelaveki. “Ngokwengxelo yabahlali bathi akuyo mpazamo ukubhubha kwexhoba kuba kudala bengcungcuthekiswa lilo kwindawo zabo zokuhlala, kwaye wonke umntu uyayazi loo nto. Abarhanelwa bebevele ngoLwesibini kwaye abakhange bayinikwe ibheyile,” kutsho uMotloung.

Kubuyelwa enkundleni ngoLwesibini.