Bawongiwe abakhusela indalo yaseMpuma Koloni

Komnye umntu ukusebenza njengonogada kwimiyezo yezilwanyana nezendalo okanye kumanxweme akhuselekileyo kungafana nje nomnye umsebenzi, kodwa akunjalo kuJames Mbhodamo osebenza eCape Morgan Nature Reserve.

Ngenxa yokuqaphela umngcipheko womsebenzi woonogada (field rangers) bemiyezo nezendalo, urhulumente waseMpuma Koloni ubekele bucala iR13.5 million ukuncedisa aba nogada kwiinzame zokukhusela imikhombe.

UMbhodamo, owongwe njengonogada kwezendalo otshatsheleyo ku2019 kumsitho obubanjelwe eThomas Baines eMakhanda, usebenza kumanxweme aqala kufuphi naseMonti ukuya kumlomo womlambo iNciba.

Umsebenzi wakhe njengeMarine Field Ranger kukukhusela indalo.

“Ndiziva ndivuya kakhulu ngeli wonga ndilifumeneyo. Bendingakucingelanga oku, kuba bendizenzela umsebenzi wam wesiqhelo. Ndibulela kubaphathi bam nabantu endisebenza nabo. Lo msebenzi umalunga nokujongana nabantu abalobayo elwandle, ukuze bakwenze oko ngokulandela imithetho. Imingeni ikhona kakhulu kweli cala lokukhiwa kweembaza elwandle. Abantu abayeki ukukha iimbaza nangona nje zavalwa ngokomthetho,” utshilo uMbhodamo.

UMbhodamo uthi uyingozi lo msebenzi wabo. “Xa besiza kuthi aba balobi bangekho semthethweni, baza bexhobile ngoko ke yonke lo nto ibeka emngciphekweni ubomi bethu. Into endiqhubayo kulo msebenzi kukukhusela indalo ukuze izizukulwana ezizayo zikwazi ukubona ubuhle nokubaluleka kwayo.”

Ingqonyela yeArhente yeMiyezo nezoKhenketho eMpuma Koloni (ECPTA) ngoshunqulelo lwesiNgesi, uVuyani Dayimani, uqhwabele izandla umsebenzi owenziwa ngaba nogada.

“Abanye abantu beva ngembali ukuba kukho into ekuthiwa liqhude. Nina ninethamsanqa kuba niyakwazi ukuzibonela amaqhude kwaye niyawakhusela. Qhubekani ke nalo msebenzi wenu mhle.

“Basebenza nzima bekhusela izilwanyana ingakumbi imikhombe yona siyaziyo ukuba isemngciphekweni wokubulawa. Nokuba singanobuchwepheshe obunjani, oonogada (field rangers) bakusoloko bebalulekile.”