Baxakekile oosaziwayo!

Kunzima ukuba ngumntu ohleli nje ulandelelana neendaba zoosaziwayo baseMzantsi Afrika, uyakuthi ujonge le, kuvele kuthi gqi leya.

Usuke ungayazi nokuba mawuse eyiphi kwasibonda, ngokuba kaloku ezinye zezingxabano nokuvana kwabo kuphekiwe khona ukuze amagama abo angapheli kwimilebe yethu.

Sizibona sesingamakhoboka kule minatha yonxibelelwano okumane erhorhozela abasaziwayo kuba sifuna ukubona ukuba ithini into yabo kanye kanye.

Umzekelo ophilayo ngowomsasazi wezemidlalo uRobert Marawa kunye nomlingisi uPearl Thusi.

Sibagqibele bethandana kwaye bemane besithela thsuphe pha ku-twitter ukuba iyatshisa ibhisto yothando lwabo.

Phithi-phithi sithe sisabuka leyo wasuka uMarawa wabhengeza ukuba sele izinyanga eziliqela bohlukene nalo kaThusi. Sothuka ke sangabo bazingelana nesizathu sokohlukana kwesi sibini.

Ndiyamthanda ke kodwa lo kaMarawa xa ebekudliwano- ndlebe kunomathotholo ebuzwa ngalo mba, uthe ukuphendula ayisifuni ukuba kwenzeke ntoni phakathi kwakhe noPearl Thusi.

Uthi nangoku ebesixelela nje ngokwahlukana kwabo kuba efuna ukuthintela intlebendwane nokukhusela iintsapho zabo.

Noxa nje izinto ezininzi ezehlela oosaziwayo zingasifuni, kodwa bakhona abenza izinto esidlangalaleni kuba befuna isihoyo sethu bantu. Khawujonge ubuhlobo obebuphakathi kukaBonang Matheba kunye noSomizi Mhlongo.

Le genge buphuthu-phuthu iye yasibonisa indlela abahlobene ngayo ngokumane bexhoma imifanekiso yabo bobabini bezonwabisa ndawonye, basinika umfuziselo oku ingathi bangabahlobo benene.

Sithe sisateketisa leyo, ngequbuliso sabona sekukho ingxabano engacacanga, baqhawuka ubuhlobo.

Mzuzwana mzuzwana uSomizi wabhala incwadi ngobomi bakhe, sathi sisancoma leyo, wegqi-qhaphu naye uBonang ngeyakhe incwadi.

Lonke elo xesha ukulaxazana akukhange kume phakathi kwaba babini. Ndithe ndakuyihlalutya le nto, ndafumanisa okokuba kungenzeka onke la mahla-ndenyuka phakathi kwaba saziwayo babini ngumakhelo wangabom owenziwe ukonyusa umdla wabathengi kwiincwadi zabo. Ndiyafuna ukuthi yimbiza ephekiweyo khona ukuze umdla wethu ungapheli kwaba bantu.

Sendisoyika ke nokungahlomli ngalo mba wokungabhalwa kakuhle kwencwadi kaBonang Matheba, ndiqinisekile ukuba ubundilinde apho kakade.

Kudliwano-ndlebe ebendikhe ndanalo nomnye usomaqhuzu kumzi wopapasho lweencwadi, uthe inde indlela ehanjwa yincwadi phambi kokuba ipapashwe.

Ithe le ngcaphephe phambi kokuba incwadi ipapashwe kuye kwenziwe uphando lokuba ingaba iqulathe ubunyani na, kwaye ifundwe, ifundisisiswe amatyeli amabini namathathu ngabantu abohlukeneyo, ize yakuphumelela kulo manqanaba ipapashwe.

Ndithe ndakuqwalasela ezi mpazamo kuthiwa zikhona kule ncwadi kaMatheba ndafumanisa ukuba inoba mhlawumbi bekuleqwa ixesha, khange ilandelwe yonke imibandela yopapasho-ncwadi.

Eyona nto ingahlali kamnandi kum kukudeleleka kwethu njengabathengi nabafundi beencwadi.

Noko ukuba ubahloniphile abantu ubuza kuqinisekisa ukuba ubaphakela ukutya okuvuthiweyo okuncamise ngencasa, hayi inyhobha-nyhobha yendibanisela engacacanga.

Ndithetha nje nawe kukho ababhali bodumo apha eMzantsi Afrika nabo ebakhubekisileyo le nto yale ncwadi.

Ophume elubala eyigxeka le ncwadi kwiminatha yezonxibelelwano yintatheli uVuyani Green, ekhwela ezehlela kumgangatho ongenguwo wale ncwadi.

Uninzi ke lwabalandeli bakaMatheba oko limkhusela lodade ngelithi uzamile noko makanconywe, kwaye ibililinge lakhe lokuqala eli.

Qonda le nto, asinguye wonke umntu ongumbhali; yilo nto oosaziwayo abaninzi xa befuna ukushicilela iincwadi becela ababhali abavunyiweyo benze oko. Jonga nanku uAdvocate Vusi Pikoli ebhalelwe nguMandy Weiner.

Njengomfundi nomthengi weencwadi ndiyafuna ukuthi mna ndedwa ndiziva ndidelelekile kwaye ndingaxatyiswanga lelilinge lale ncwadi yalo sisi.

Lo nto ke indifundisa ukuba makhe ndithi xha ekuthandeni iindaba zoosaziwayo ndikhe ndijonge ezam, nazi zindixake ngoku.