Baxolele ukonzakala bekhusela iintsana

Ushiyeke engenanto uVusumzi Mkwantashe eDikeni emva kokuba isichotho sidilize umzi wakhe sonakalisa nemoto imifanekiso: BHEKI RADEBE

INTLEKELE edalwe sisitshingitshane senkanyamba etshabalalise imizi, yonzakalisa abanye kuquka nokubulala nkosikazi ethile eDikeni ngeCawe, ngeyondele yabulala neentsana kodwa oku kunqandeke ngenxa yenimba yabasetyhini ababini baseGolf Course kule dolophu.

Bekungenjikalanga yangeCawe umhla wesibini kule yoMdumba ngethuba iintsapho bezizonwabele eDikeni, suke kwegqi umoya okhatshwa luthuli neendudumo. Zitsho iindudumo emva koko kwalandela imvula.

Intwazana uAsandise Lowo (14) ebehleli nabantakwabo bephekile bekwabukele umabonakude ngethuba kufika le ntlekele.

“Kuvele kwamnyama, kwabe sele kungena uthuli ngaphakathi endlini. Emva koko kuphequke uphahla, zabe ziqala ukuwa izitena. Mna izitena zindibethe emqolo ngenxa yokuba bendikhusela umntwana oyintombazana oneminyaka emine nobelele ngethuba kusenzeka yonke le nto.

“Ngoku kwenzeka yonke le nto besikhala sixakwe nokuba siza kwenza ntoni. Mna izitena ndiye ndaxolela ukuba zindibethe emqolo kunokuba konzakale umntwana,” utshilo uLowo, esithi baye basiwa esibhedlele emva kwale mvula.

Yena uNontobeko Booi uthi kweyakhe indlu kuqale ngokuphakama kwamazinki, lancothuka uphahla.

“Nditsale umntwana wam uAxole, sele ebethiwe lizinki. Ndiqonde ukuba mandimkhusele abethe mna loo mazinki endaweni yokonzakalisa umntwana wam. Lindibethe ndaneduma, kodwa ndaqonda ukuba umntwana ndiza kumsindisa,” utshilo uBooi.

UBooi uthi umgangatho wezi zindlu nguwo obangele ukuwa kwezi tena nokuncothuka kwamaphahla. “Azikho semgangathweni ezi zindlu, isamente zange ifakwe ngendlela. Zakhiwa nje zashiywa, zange zisanyentwe,” utsho uBooi esithi wonakalelwe yimpahla yendlu yonke ngenxa yale ntlekele.

UVusumzi Mgwandashe uthi wonakalelwe yinto yonke kwindlu yakhe kuquka nemoto yakhe azenzela ngayo imali nebiphambi kwendlu ngethuba kusenzeka le demeshe.

“Ndiyakhala kuba andiphangeli, le moto yonakaleyo yile ndiphangela ngayo erenkini. Andiyazi ke ngoku ukuba ndiza kuyenza njani imali,” utsho uMgwandashe.

Iivenkile, iimoto nazo zithe zachaphazeleka kule ntlekele. Umanejala wakwaKFC eDikeni, uKwanele Mgqelele, uthi ubalelwa kumawaka ngamawaka eerandi umonakalo owenziwe yile ntlekele.

“Le ntlekele isichaphazele kakhulu. Kwindawo yokutyela, izitulo zonakele. Ngaphakathi kwindawo yokuphekela, izixhobo zethu zonakele. Le ntlekele isichanile kwingeniso kwanakubathengi bethu,” utshilo Mgqelele, esithi kubathathe iintsuku ukubuyisela esiqhelweni izinto kwivenkile yabo.

UMgqelele uthi ingeniso abaphulukene nayo ngenxa yale ntlekele ibalelwa kuR156 000. “Ngaphakathi umonakalo okwizixhobo uza kusityabula iR500 000 ukulungisa,” utshilo uMgqelele.

Kwindawo yaseNkobonkobo kubhubhe uNoluthando Majiba (28) emva kokuwelwa zizitena esetyalikeni. Umasipala waseRaymond Mhlaba sele uyile uyokuvela kwikhaya lakwaMajiba ukubona ukuba ungancedisa kanjani.

Kusenjalo, umasipala waseRaymond Mhlaba ukwavakalise ukuba usenzile isicelo kwisebe loHlaliso loLuntu ukuba lakhe izindlu zethutyana kumaxhoba. Kukwakho nothethwano lokuba amaxhoba makancediswe ngeepasile zokutya.

Ngaphandle nje kwedolophu, iilali ezithe zachaphazeleka kule ntlekele zisibhozo, apho imizi ethe yonakala ingamashumi amahlanu anesithoba logama imizi ekwikhulu elinashumi amahlanu anesihlanu ithe yafumana umonakalo ongephi.