Bayabongozwa bangaqhubi benxilile abaqhuba iiteksi

Amagosa ebhodi elawula ukutyenziswa nokuthengiswa eMpuma Koloni, iEastern Cape Liquor Board(ECLB) atyelele iirenki ezimbini zeeteksi eMthatha, ngenjongo zokukhuthuza nokubongoza abaqhubi ukuba bangaqhubi benxilile. 


Eli phulo lemfundiso liqhutywe kwirenki iGolden Egg ngaphandle kodederhu lweevenkile iMthatha Plaza kunye nakwirenki yakwaNcedo. 

Le bhodi ikhethe ezi renki zimbini ngenxa yokuba zezona zithutha abantu abaninzi, zisebenzise uhola wendlela uN2 othandwa ziingozi zendlela kakhulu. 
Eli phulo landulela ixesha likaxakeka lasekupheleni konyaka elithi lisube ubomi babantu abaninzi ingakumbi abakhweli. Ezi ngozi zishiya amakhaya enganabazali.

Igosa lonxibelelano kule bhodi uPumlani Fani uthi kweli tyeli baqonde ukuba mabayothetha nabaqhubi bancamathisele amaphepha anemibhalo edlulisa umyalezo wokukhuthuza ukuba kungaqhutywa kunxiliwe. 

UFani uthe “Abona baqhubi bezithuthi bachaphazeleka ngamandla ngabasebenzisa indlela N2, sithe sahlala phantsi nabaphathi bezi renki sabeka umbono wethu savumelana. Samkelwe kakuhle kakhulu ngabaqhubi belangazelela iphulo lethu lokuza kubo ngelizokhuthaza iizazela kuzoncipha neengozi ekupheleni konyaka.” 

Eligosa likwathi linethemba lokuncipha kwengozi emva kokuthetha nabaqhubi kwelityeli. Kudizwe ukuba iingozi ezininzi eMpuma Koloni zibangelwa kukusetyenziswa kotywala ngamaqhubi bezithuthi.

Imanejala yerenki yaseGolden Egg uMlungisi Bhokolo uthi bayalithakazelela iphulo leECLB lokuzothetha nabaqhubi bezithuthi zikawonke wonke. 

“Eliphulo liyancedisa kakhulu apha kubaqhubi, liyawenza umahluko. Sinethemba lokwehla kwamanani engozi zendlela. Nathi siyathetha nabo abaqhubi sibalumkisa ngobungozi bokuqhuba usele. Ukufakwa kwala maphepha kukuvuselela izazela kwaye ozoqhuba esele uzokwenza oko ezifumene imfundiso,” utshilo uBhokolo. Kwinyanga ezayo kuzophehlelelwa ngokusesikweni iphulo lokhuseleko ezindleleni. Kwiveki ephelileyo amagosa ale bhodi athathe nabaqhubi baseNgqushwa kwakweli phondo.