Bayaphandwa abazenza uBheki Cele kuTwitter

Bayaphandwa ngooKhetshe abo bathe gqolo ukuzenza uMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele kumnatha wonxibelelwano.

Oku kuza emva kokuba iOfisi kaCele ithe yakhupha isilumkiso kubo bonke abo baqhubekeka nokuzenza yena bevula iiakhawunti zikaTwitter kwakunye noFacebook ngegama lakhe, de basebenzise nobuso bakhe nto leyo uninzi lukholelwa ukuba nguye.

Kwimbalelwano ekhutshelwe oonondaba kule veki malunga noku, ithi uCele kuTwitter ude wanabalandeli abangaphaya ko60 000 abacinga ukuba bathetha noCele uqobo.

Obambele njengesithethi sikaCele, uBrigadier Mothapelo Peters, uthi okona kwenza inkxalabo nangakumbi kukuba abantu bakhupha ulwazi olufihlakeleyo bebika ulwaphulomthetho, urhwaphilizo kwakunye nobuqhophololo becinga bathetha ngqo noCele kanti olo lwazi lufikela emntwini ongenguye nonokukhohlakala asebenzise olo lwazi.

Sithetha nje zingaphaya kwekhulu elinamashumi amathandandathu,160, iiakhawunti zomgunyathi ezingegama likaCele kuTwitter noFacebook nezinobuso bakhe kwakunye neminye imifanekiso yakhe yeminyaka elishumi eyadlulayo.

Abaphandi booKhetshe baphezu kophando lwezi akhawunti zaba bantu bazenza uMphathiswa kunxibelelwano lomnatha.

UPeter uthi kwiminyaka emibini edlulileyo iOfisi kaCele yayisikhuphile isilumkiso malunga nezi akhawunti nangona kubonakala nje ukuba zisaqhuba.

“UMphathiswa akana-akhawunti, akanayo nditsho eyabucala, nditsho naleyo yoluntu,” utshilo uPeters.

Uphando luyaqhutywa nekulindeleke ukuba badibane nengalo yomthetho abo bazenza uCele.