Baza kubukela iifilim ezenziwe ngabantwana beelali zamaGqunukhwebe

Iqela elenza iifilim ezohlukeneyo kwiilali ezingqonge iQonce UMFANEKISO: UTHUNYELWE

ABANTWANA beelali ezisibhozo eziquka iMayipase, iDebe, kwaNgwenya, Mfiki, Mbizane, iNonaliti, Annshaw nakwaJames bazivelisela eyabo imidlalo yeqonga.

Lo ngumbono kaAyanda Mncwabe-Mama ongumvelisi weefilim, othe wasebenzisa inkampani yabo noMadoda Mditshwa eyi- Iliso Film ukugubhulula italente yakwiilali zakhe zokuhlala.

UMama uhlala eMnqaba kwaJames, eDebe Nek. “Abantwana abaninzi bagqiba imatriki bahlale bangenzi nto,” utshilo.

Iliso Films sele ivelisele umabonakude weSABC ne-etv iinkqubombaliso (documentaries) ezilishumi elinanye.

UMncwabe-Mama uthi umsebenzi wakhe kukubhala, ukufota umboniso nokuwuhlela ukuze ulungele usasazo.

“Ngoko ke kulapho ndaye ndacinga ukuba kungabanceda abantwana belali yam ukubanika ezi zakhono,” kutsho uMncwabe-Mama.

Eli qobokazana liceba ukwenza olu qeqesho kakuhle esebenzisa inkampani yakhe entsha iAt Your Art Holdings. UMncwabe-Mama uthi wabhalela iBhunga lezobuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni (ECPACC) ukuze ixhase uqeqesho noMnyhadala weeFilim.

Uthi bamaxhaphetshu belungiselela iQaba Film Festival eza kuqala kwiilali zamaGqunukhwebe, ibonisa umsebenzi owenziwe ngabantwana ababaqeqeshele ukwenza iifilim nokuzibhala.

Aba bantwana baphuma kwezi lali baza kube bebukele imidlalo abayivelise ngokwabo phakathi komhla we15-17 kweyeSilimela.

Le midlalo iza kuboniswa yile: 1. Indlala inamanyala (okhangele ubomi bobo baziphandelayo).

2. Zolile Sonjica ( ongenkwenkwana elula ezithandela umdlalo wombhoxo de ibe iyaphumelela kwiphupha layo);

3. Konakele phi na? ( inkqubombaliso engesikolo esakhiwe kumhlaba othethisayo);

4. Wakhala uMama (ibali elingomfazi odlwenguliweyo eliquka nezinye iimeko zendawo yokuhlala);

5. Buyel’ eMbo (ibali elingemicimbi yakwaNtu);

6. iNkedama ( engebali lomntwana oyinkedama omoshayo elalini);

7. Emily & Andrea (ibali elingabo basafikisayo, uthando oluselula nezesondo).

La mabali kulindeleke aququnjelwe ukwenziwa ekupheleni kukaCanzibe, ze aboniswe kwiilali zaba bantwana eziquka iXesi, iQhibirha Komkhulu nakwaMayipase.

UMncwabe-Mama, inzalelwane yaseMlazi eThekwini, eyendele eMnqaba, isebenzisana noNceba Mqolomba ukuvelisa la mabali.

UMqolomba ngumsunguli weSarah Bartmaan Film Festival okanye iEastern Cape Film Festival.

“Eli licebo lokwenza umboniso bhanyabhanya (series) kwezi ndawo zethu, kwaye sibe nethuba lokuzibumbela abethu abadlali nabaxhonkxi bamabali,” kutsho uMncwabe-Mama.

“Namhlanje iqela lokuqala belifota ibali lalo. Siza kuba neenkqubombaliso ezine neefilim ezimbini.

“Lo mnyhadala weFilim ufuna ukuvuselela uthando lolwazi lwentlalo kwaye nokuba abatsha bamanyane nabantu abadala,” utshilo.

Ubambe ngazibini kuMama uNokwandisa oyiNkosi kweza lali ngokubaxhasa.

simphiwe.freddie@inl.co.za