BCM: UBuhlanti butsala abakhenkethi

Indawo yokonwaba eBuhlanti eMontiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UMASIPALA waseBuffalo City uthi isiza ekonwatywa kuso ngaselwandle eMonti, esibizwa eBuhlanti, yindawo esele izenzele igama ngokutsala abakhenkethi kwaye iphantsi kwezicwangciso zokuphuculwa ngumasipala.

Yimali ebalelwa kwisigidi esinesiqingatha (R1.5 million) ebekelwe bucala ukuphucula imeko yaseBuhlanti, utshilo uceba wale ndawo uVusumzi Njece ngethuba kubanjwe indibano kwiholo yesixeko kule veki, apho injongo ibikukuphengulula inkqubo yesicwangciso sophuhliso nohlahlo lwabiwomali kulo masipala kunyakamali ka2018/19.

EBuhlanti yindawo etsala inkungula yabathandi bolonwabo, apho abantu bathi bagcwalise ngeemoto zabo bevanga iziselo ngenyama eyojiwa phaya eBuhlanti. Ixabiso lokoja inyama liqala kuR30 ukuya kwiR40. Xa woje inyama eBuhlanti, uyinikwa ikwinto yokutyela yogqunyiwe, ze uphiwe into yokosula kwanaleyo yokuvungula.

Ngabantu abakumashumi amathandathu anesibini abaneendawo zokoja inyama eBuhlanti.

Amawaka ngamawaka abantu, bephuma kwiindawo ngeendawo eMpuma Koloni, bagcwala kule ndawo ukuza kuzonwabisa, ingakumbi ngeempelaveki.

UVusumzi Njece, onguceba wakwaWadi 47 eBCM, apho uBuhlanti bukhoyo, uthi le ndawo itsala abakhenkethi abachitha imali yabo kwisixeko saseMonti.

“Yiyo le nto sibone ukuba masiyinike ingqwalasela le nto yaseBuhlanti. Uphuhliso luquka ukulungisa ucingo kwanokulungisa amaziko okoja. Kuza kwakhiwa amaziko angamashumi amathathu ananye okoja, ukuze iziko ngalinye lilungele ukusetyenziswa ngabantu ababini.

“Abantu abafuna ukusebenzisa la maziko, bangabhalisa kwi-ofisi yam ukuze xa ubani engalisebenzisi zonke iintsuku iziko, kungene omnye. Into esiyiqaphelayo kukuba abantu abaninzi bawasebenzisa ngeempelaveki la maziko,” utshilo uNjece.

Enye into ekuthethwe ngayo kule ndibano yaseBCM, ngumba wezakhiwo ezidala kwidolophu yaseMonti kwanaseQuigney. USekela Sodolophu uZoliswa Matana uthi kukho umthetho ocetywayo ngumasipala ukuqubisana nemeko yezakhiwo ezidala.

Enye into ekuthethwe ngayo kule ndibano ngumba weendlela ezingekho semgangathweni, iikhamera zokujonga oonqevu (CCTV) edolophini, ukulungiswa kweOrient Theatre, udalomisebenzi kwanococeko lwedolophu.

Usuku lokuphunyezwa kohlahlo lwabiwomali kwanesicwangciso sophuhliso ngumhla wama30 kule nyanga, logama ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga ezayo, uSodolophu uXola Pakati kulindeleke ukuba enze intetho emalunga nobume besixeko.