Bikani amasela emali egameni leCovid-19

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: Bheki Radebe
INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane umemelele kubantu baseMpuma Koloni abanolwazi ngokubiwa nangokudyarhazwa kwemali egameni leCovid-19 ukuba babike kwabasemagunyeni ukuze kuqutyiswane nababandakanyekayo.


Esi simemelelo sikaMabuyane siza emva kwesibhengezo sikaMongameli Cyril Ramaphosa ngokuhlwa kwangoLwesine apho adize ukuba kuza kuqhutywa uphando ngakumaqumrhu karhulumente afunyenwe enesandla ekusetyenzisweni gwenxa kwemali egameni leCovid-19.

URamaphosa uthi olu phando luza kwenziwa liButho eliKhethekileyo loPhando, elaziwa njengeSIU. Ukwadize namanye amaqumrhu aquka iNPA, SARS, Hawks, FIC, esithi aza kuqhogelana kuqhutywe uphando.

“Sasiyixelile kwantlandlolo eyokuba akafuneki kubekho buqhophololo xa kusetyenziswa imali ehlelelwe ukusabela kwintsholongwane yeKhorona.

“Njengalo naluphi na ulwaphulomthetho, ubuqhophololo bubeka ubomi (babantu) emngciphekweni,” utshilo uRamaphosa, ekwathi zimalunga namashumi amathathu anesithandathu izehlo zorhwaphilizo eziphandwayo malunga nokusetyenziswa gwenxa kwemali ngexesha leCovid-19.

URamaphosa uthi uza kumane efumana ingxelo yokuba luqhuba njani uphando rhoqo ngeeveki ezintandathu.

Isithethi sikaMabuyane, uMvusiwekhaya Sicwetsha uthe: “INkulubaphathisw’ uMabuyane umemelela kubantu baseMpuma Koloni abanolwazi ngezehlo ezigwenxa nobuqhophololo ukuba basebenzise eli thuba babike kwiSIU ukuze abo babandakanyekayo batshutshiswe.”