BobukaDosini ubukumkani bamaMpondomise

UNonkonzo Maseti owonyulwe njengeKumkanikazi yamaMpondomise.

“Bobethu ubukumkani baMaMpondomise,” lawo ngamazwi kaSimphiwe Molosi wendlu enkulu yakwaDosini kwintlanganiso ebibanjwe ngooDosini malunga nomba wakubuya kobuKumkani baMampondomise kwilali yaseNtshongweni kuQumbu kuLwesihlanu esisuka kuye.

Le ntlanganiso iinjongo zayo ibikukunika iingxelo ngesigqibo seNkundla ePhakamileyo yaseMthatha. Inkundla igwebe ngelithi mabubuye ubukumkani bamaMpondomise.

Kodwa noxa kunjalo kusekho ingxubakaxaka nokungaboni ngasonye malunga nokuba ngubani oyena mntu kumele abe uyiKumkani yaMaMpondomise.

OoDosini bathi ukubekwa kukaNkosi uLuzuko Matiwane phantsi kwendlu kaJola akukho semthethweni kwaye abavumelani nako, nto leyo eyenze ukuba bonyule uNkosazana uNonkonzo Maseti (41) ongumafungwashe katata uMyezo Jejane ongasekhoyo ophuma kwindlu enkulu yaMaMpondomise njengeKumkani.

UMolosi uthethe wenjenje: “ Umba wokuphatha awunabudoda ingakumbi xa umnombo ukhomba kulowo sukube onyuliwe. Ikumkanikazi le yonyulwe zizizwe zaMaMpondomise eziselungelweni lokonyula ngendlela eyiyo ngokwesiNtu. Siza kuthi ke sithathe lo mkhombandlela siwuse kuMongameli sitsho simazise ngesiko lethu nezithethe zethu ukuba zihamba njani. UMatiwane ungomnye wethu nendlu yooJola ngokubambisana, asingeze siyiphike lo nto kodwa singa singahlala phantsi sonke silungise iziphene neempazamo zethu.”

Kwelinye icala, uMolosi uthi njengoko ekhona owonyuliweyo ngooJola kwaye nabo bonyule owabo bengooDosini, bekunga bangafikelela esigqibeni ukuze bawenze ube lula umsebenzi kaMongameli weSizwe.

Ukanti yena uNkosazana uNonkonzo Maseti uthi ukulungele kakhulu ukuxhuzula imikhala njengeKumkanikazi yaMaMpondomise kuba uyazi isizwe sakowabo sawuhlala sisemva kwakhe.

isibhalo@inl.co.za