Bulusizi ubomi bakwaNjwayi

usapho lakwaNjwayi eQonce luthi aziyonyani iingxelo zokuba kukho ubomi obungcono eMzantsi Afrika.

Oku kungenxa yokuba usapho lukaNosomi Njwayi waseNgcabasa kwaWadi 13 eQonce luphila phantsi kwemeko emasikizi ahlala kuyo nomzukulwana wakhe okhubazekileyo uThimna ominyaka isibhozo.

Indlu emagumbi mathathu yeli khaya yemka nomoya owawukhatshwa yimvula ngonyaka ka2012 baza bakrakra ubomi ukusukela ngalo nyaka.

“Sathi sihleli apha kwafika imvula emandla ehamba nomoya uphahla lemnka ladilika udonga, sanyanzeleka ukuba sakhe ityotyombe sincedisa le ndlwana incinci uyibonayo, kunzima ukuphila ngolu hlobo,” uthethe watsho uNjwayi. Ngenxa yale meko le ngwevukazi ibhujelwe ngunyana wayo kunyaka ophelileyo uMlindeli Njwayo ngenxa yesifo sephepha.

“Uceba walapha Mphumleli Rawana weza kakanye oko yenzekayo le meko waza wathembisa ukuba uzakubuya asincede ukuvusa indlu,” utsho uNosomi.

Uthi kunzima ukuphila nomntwana okhubazekileyo ofana noThimna phantsi kwezi meko zinje kuba ubomi bakhe busesichengeni.

“Lo mntwana utsala yonke into eyizisa kuye, iiketile ezinamanzi, iintambo zombane, nezinto ezishushu uyatsala yonke into ayibonayo,”ucacise watsho uNjwayi.

Lo mntwana wachazwa ngoogqirha ukuba unesifo esingaziwayo esizakwenza ukuba ahambe emva kwizifundo nenkqubo zokukhula kwakhe ngengqongo nangomzimba.

“Akakwazi kuhamba, akakwazi kuthetha udinga uncedo olupheleleyo, ngubani onokuhlala nomntwana okhubazeke ngolu hlobo kule meko sihleli kuyo apha,”uzityande igila watsho uMnjwayi.

Le ngwevukazi ihlala ngokuxinana kuloo ndlwana incinci ikunye nabazukulwana bayo abalishumi, abanye kubo bashiywa ngabazali babo.

“Yona imali yesibonelelo siyayifumana nendlala ayingako kodwa sixakwe kukuzakhela indawo yokuhlala kuba imali esinayo incinci kakhulu ukuba ingasinceda,”utshilo uNjwayi.

Ukanti ozigqatsele ukuba nguceba wale ndawo phantsi kombutho we ANC uZukiswa Mpendu uthi sele eqalisile ukwenza iinzame zokunceda eli khaya ngokulakhela indlu efanelekileyo.

“Siqokelele izitena ezingamakhulu asibhozo neengxowa zesamente ezimbalwa, sicela uncedo kuye nabani onokusinceda siguqule impilo yalo mama ifane neyabanye abantu,”utsho uMpendu.

Iimpahla zendlu zeli khaya zonakala azisenakusebenziseka, le ngwevukazi yenza yonke into phambi kwabantwana bayo kuquka ukuhlamba nokukhulula xa ezakulala.

IMpuma Koloni iqhelene neemeko zentlekele ezithi zibangele umonakalo kwiindawo ezihlala abantu aze urhulumente kamva enze amacebo.