Ebengathi ukumboniso kamabonakude uKupelo efunwa iR1 million!

UTHI akuyichaza imeko ebephantsi kwayo kwiveki ephelileyo uSizwe Kupelo, efunwa isigidi seerandi emva kokuxhwilwa kukagxa wakhe kwezoshishino, ayifanise nemiboniso bhanyabhanya kamabonakude.

Ugxa kaKupelo, uVuyo Fadana, 24, uxhwilwe ngokuhlwa kwangoMvulo weveki ephelileyo eCorhana eMthatha. Uthe xa eyokuvula isango leyadi wadibana nendoda ezogqume ngenkumpayethi yamhlasela ngemela.

Bathe bakujijisana uFadana waphelelwa ngamandla, kwabe sele kusithi gqi indoda yesibini. Imoto kaFadana iyokufunyanwa kusasa ngoLwesibini ngaseUltra City.

UKupelo, isithethi kurhulumente waseMpuma Koloni, uthi uFadana ufowune ekwindawo angayichazanga esithi kufunwa isigidi seerandi.

“Bebesithi basinika iintsuku ezimbini ukuba sikhuphe esi sigidi seerandi. Ndiqhube imoto ukusuka eMonti ukuya eMthatha, ndabe sele ndibika lo mba kuMkomishinala wamaPolisa aseMpuma Koloni (Lieutenant General Liziwe Ntshinga), nothe kwangoko waqhakamshelana neeHawks kwanamanye amabutho esipolisa.

“Bafowunile kwakhona ngoLwesithathu besithi kumaxa siphi, sabaxelela ukuba sisenzile isicelo kodwa kusafuneka silinde iintsuku ezimbini ukuze sifumane imali,” kutsho uKupelo, othi bade babe kanti bayayifumana le mali ebhankini.

“Sithe xa siyisa eViedgesville, apho bebesiyalele khona, kodwa sithe xa sifika apho basikhomba kwenye indawo.”

Ngeli xesha kwenzeka konke oku, amapolisa akhangela ukuba aba nqevu bafowuna bephi.

“Baphinde bafowuna benomsindo besithi masise imali eMqanduli ngoMgqibelo, saxelela amapolisa,” kutsho uKupelo.

“Xa bezokuthatha imali badibene namapolisa, indoda yaseZimbabwe idubule amapolisa aphendula ngezawo iimbumbulu, ayidubula yabhubha,” utshilo uKupelo.

Ugxa kaKupelo ufunyenwe ebotshelelwe kwindlu ethile kuTyumbu eMthatha ngoMgqibelo, ze kwabanjwa amadoda amabini – enye ngummi waseZimbabwe, ngelixa enye ingummi weli.

Emva kwesi siganeko, abahlali baseTyumbu babambe indibano ngoMvulo, bagqiba ekubeni babanike uphum’ aphele kweyabo ilali abemmi bangaphandle kuba besithi boyikisela ubomi babo.

Umhlali waseTyumbu obe kule ndibano nongafunanga kuchazwa, kwaye nongahambisaniyo nokugxothwa kwaba bantu, uxelele I’solezwe ukuba ukugxothwa kwaba bantu akahambisani nako.

“Esi ibe sisiganeko esibuhlungu ngendlela emangalisayo, abantu ebesesibazi sihleli nabo iminyaka ngeminyaka. Ndithetha nje abanye basathutha, abantwana bayekiswe nasesikolweni. Abo bazame ukubathethelela nabo bakhonjwe indlela, bancama behla nomcinga noko kubuhlungu. Phofu abenzi bobubi babanjiwe, aba abenzanga nto,” kutsho lo mhlali.

Isithethi samaPolisa uKapteni Dineo Koena uthi ababini babanjiwe abarhanelwa ze omnye wabhubha. Bavelile phambi kwenkundla yamatyala ngoLwesibini eMthatha.

UKupelo noFadana, kwanabo basondeleyo kubo, bebenikwa intuthuzelo ngokomphefumlo kule veki, kusehliswa umthwalo womothuko.

abongile.ginya@inl.co.za