Emandulo wawungekho umtshato, kwakusendiselwana

Emandulo wawungekho umtshato, kwakusendiselwana. Kulandiselwano kwakudibana iintsapho ezimbini emva kokuba olunye usapho olunonyana ongumfana lubone intombi efanele ukuba ngumfazi kwikhaya elo lomfana.

Ezi ntsapho bezidibana zibonisane ngelobola kuba ngelo xesha ilobola yayingeyonto iqingqiweyo. Leyo yintetho eyenziwe nguMphilisi uLulama Mpahla nokwangumchazimaphupha kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa.

UMpahla ebethetha kwintlangano ethi “Umnombo” nebiququzelelwe nguNoloyiso Unolali Ngalo eMonti. Injongo yale ntlanganiso ibikukusingatha ingxoxo ngeBuyambo.

UMpahla uqhube wathi: “Intombi xa seyithathwa ngabasemzini kwakusithiwa iyokwenda. Eyona nto ibaluleke kakhulu kwintombi xa izokwenda kukuba yamkelwe zizinyanya zeli khaya izokwendela kulo, ityiswe utsiki. Umfazi oziswe emzini ngendlela efanelekileyo uyokuhlala engumfazi welo khaya.” Ukwathe esintwini uqhawulo lomtshato yinto engekhoyo. Indoda xa ithe yathatha isithembu kuba ingasamfuni umfazi ibiphuma iyokwakha omnye umzi apho iza kuhlala khona nomfazi omncinci imshiye lo wokuqala kwindlu enkulu, kwaye ahlale engumfazi kwelo khaya,” uthethe watsho uMpahla.

Unolali yena uthethe wathi: “Injongo yethu kukukhuthaza ama-Afrika ukuba afunde kabanzi ngobuzwe bawo, baxhase imibhalo engeAfrika ebhalwe ngamanye ama-Afrika kunokuba bathenge imbali ebaliswa ngeAfrika ngabemi bamanye amazwe. Abavelisi bembali yeAfrika abangabemi bamanye amazwe abaniki mbali igqibeleleyo.”

Ukwathe iBuyambo ibalulekile ngokukhuthaza ukuzingca ngobuzwe bakho, ukuzazi imvelaphi yakho, amasiko, izithethe nenkolo.

“Kubalulekile ukuba ulutsha lwanamhlanje lifumane imfundiso esulungekileyo, ngenkcubeko yalo, ngobuzwe babo nangobuAfrika. Sisenawo amakhombandlela okusinika le mbali. Ulutsha lufuna ukwazi ukuba kutheni abantu bethwasa, babengamagqirha baphinde babekwinkolo yobuKrestu,” uqhube watsho Unolali.

Uthe umnombo sisiqalo, iindibano eziza kuxoxa kabanzi ngalo mba ziza kuqhubeka.