Esingaziwayo isifo kwaXhosa!

AmaXhosa ngabantu abazichaza nabaziphicotha ngendlela eyiyeyabo izinto ezibangqongileyo nezibachaphazelayo kubomi babo.

Kwizigulo esigula zizo ufika sikhala ngenyongo nangebekelo nangokukhatywa yimpundulu nangonko-nko-nko, nangoqwilikana, njl-njl. Nokunyangwa kwazo ke kuthiwe uqwilikana mgabhele emngxunyeni umthumele koneenkomo, unko-nko-nko mnyange ngamasi embongolo. Ezi zigulo zichazwa ngandlela yimbi ke kwezinye iintlanga neelwimi, nentsingiselo yethu iphuthile ngokwakwagqirha.

Asikokugula ngokwakwagqirha ukuba nenyongo kuba ubumele kubanayo kakade, okona ugulayo kuxa ungenayo. Kufana nesifo ekuthiwa sisitresi, amaXhosa engubo athi sisifo sabelungu eso wona akanasifo siseso, kanti nabesikolo babo bayasinqaphaza. Ndaza ndakuva zwindini!

Apha ethubeni ndikhe ndancokola noBantu Zotwana okwiphulo lokwazisa ngesinye sezi zigulo zingaziwayo kwaXhosa, ingakumbi kwabengubo. Uthi lo mfana ulixhoba laso kwaye ukholelwa ukuba abantu bakuthi abasiqondi. Utsho endinika igunya ke lokuba ndibhale ze ndipapashe ngesi sigulo kwaye ndichaze ukuba yena buqu unaso. Isizathu sakhe ke uthe ukhethe ukuba ngunozakuzaku wokwazisa abantu bakowabo ukuze bayazi into abamele kuyenza xa omnye kusapho ethe wahliwa siso.

Ukubaleka izinto ezininzi ke nokugilana namalungelo amaninzi ndithe kuBantu makalibhale ngesandla sakhe elo nqaku lakhe aze andinike ndilibhalele upapasho. Wenze njalo ke, wandinika nomfanekiso wakhe ukuba ndiwufake. Ndilibhala ndikhululekile ke ngoko eli nqaku. UBantu ubhale wenjenje: ‘NdinguBantu Zotwana. Ndineminyaka engama-36, ndinabantwana abathathu. Ndinesigulo sengqondo esibizwa ngokuba yi-Schizophrenia nesandehlela ndisafunda esikolweni.

Ndandisebenzisa iziyobisi ukugula kwam. Abazali bandisa kunyangelo-ziyobisi, ndabe ndiyohlukana ke nazo. Ngoku ndiphila ngokusebenzisa iipilisi ukulawula impilo yam. Abantu abaninzi abasazi, baphelela nje ekuthini umntu ogula siso uyaphambana okanye uthakathiwe, besenziwa kukungazi ke. Ukufundisa ngeSchizophrenia kuyadingeka kuba baninzi abantu abanaso nekungaziwayo ziintsapho zabo ukuba bangancedwa njani na. Ndibhale incwadi engesi sigulo kuba ndifuna ukunceda uluntu lakowethu olunabantu abenesi sigulo lubancede baphile impilo yesiqhelo.

Xa sikuqala ke uba nento yokuthetha wedwa, ubone izinto ezingabonwayo ngabanye abantu, ungafuni nokuhlamba, kube nzima ukulala. Maxa wambi uye ufune nokuzibulala, uzive ngathi akufunwa wenzelwa amayelenqe. Kukwesi sithuba ke apho abantu baye bakubize ngamagama.

Zininzi izinto ezidala esi sigulo. Izinto ezifana nokusebenzisa iziyobisi, ukuhlutshwa kukufelwa ngumntu okufutshane kuwe, nokuba phantsi koxinizelelo zizinto zokukhula nentsokolo.

Incwadi endiyibhalileyo ngesigulo iSchizophrenia nesiphantsi kopapasho ndinqwenela ukuba ingene ezikolweni, ingakumbi kwisifundo sokufundisa ngezobomi. Ndinqwenela ukuba ingene nakwiinkqubo zempilo-ntle zesebe lezempilo. Abantu abanabantu babo abanesi sigulo ndibacebisa ukuba baqale amaqela abo enkxaso kwiindawo abahlala kuzo, ze bakuba befumene uncedo olusesikweni bandibize ukuzakuthetha nabo ngesi sigulo singaqondwayo.

Abantu abanqwenela inkxaso yam bangaqhagamshelana nam kwezi nombolo 072 814 086. Bantu Zotwana.’

Eli bali likaZikhali lisinika ukuba kuninzi esingakwaziyo ngezigulo ezikhoyo. Ezinye side siqashisele sithi zizigulo zala maxesha kuba amagama azo ematsha ezindlebeni zethu nangona zimbi kulithuba zikho.

Mna ndiyaqala ukuva ngesi, andikwazi nokusibiza ngendlela. Nakubeni kuhleli kungekho yam ke mna, kodwa ndiqinisekile baninzi abafana nam okwakaloku nje. Oogqirha sababongoza kwinkomfa yesiXhosa ebesinayo, sisithi mabazazi izigulo zethu, nditsho wena kukhatywa yimpundulu nawe lubekelo, bazazi ngohlobo abafundiswe ngalo njengoogqirha. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba