‘Fundani, ukuze kuhluthe ilizwe ngolwazi’

USekela Mphathiswa uGqr Reginah Mhaule ethweswa isidanga yiYunivesithi yaseFort Hare umfanekiso: Bheki Radebe

USekela Mphathiswa weMicimbi yezeHlabathi neNtsebenziswano, uReginah Mhaule, uthweswe isidanga sobuGqirhalwazi (PhD) kuLawulo loLuntu (Doctor of Public Administration) yiYunivesithi yaseFort Hare, wasebenzisa elo thuba ukukhuthaza ilizwe ukuba liyixabise nangakumbi imfundo.

UMhaule (57) ebethweswa isidanga eDikeni, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

UMhaule uthweswe esi sidanga emva kophando lwakhe obe lujonge ekumiliselweni kwenkqubo yophuhliso lukatitshala kwanokuphucula impumelelo yomfundi KwaMhlanga eMpumalanga.

Ngenxa yokusebenza nzima, uMhaule, okhe wanguMphathiswa wezeMfundo eMpumalanga, usiphumelele isidanga sakhe.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMhaule uthi urhalela ukubona wonke umntu weli exabise imfundo. Uthi ungowokuqala ukuphumelela ibanga leshumi kowabo, ekwangowokuqala ukuthweswa isidanga, ingakumbi kwibakala lePhD.

“Nawuphi na umntu ofuna ukufunda angafunda. Nokuba awunalo ibanga leshumi, angaphindela esikolweni alenze. Ndicela abantu baseMzantsi Afrika bayithathele ingqalelo imfundo.

“Ndihlaba ikhwelo kubantu beli lizwe ukuba baxabise imfundo. Nabo basebenzayo, mabenze unakonako babuyele esikolweni bafunde, kuba eli lizwe linqongotshelelwe zizithwalalwazi,” utshilo uMhaule, esithi imfundo inceda ubani abe nolwazi oluphangaleleyo kwizinto ebecinga ukuba unolwazi kuzo.

Uthi uyazingca kakhulu ngempumelelo yakhe.

“Ndivuya kakhulu, le yinto ebekudala ndiyinqwenela. Ndikhula ndazixelela ukuba ndifuna ukuba ngugqirhalwazi phambi kweminyaka engamashumi amahlanu, kodwa ngelishwa ide yadlula loo minyaka. Kodwa ke ndichulumancile, ndiyazingca ngempumelelo yam,” utshilo uMhaule.

“Kubalulekile ukufunda kuba kukwenza ubenengqondo ephangaleleyo, ukwazi nokunika ingqwalasela kwizinto ubungazithatheli ngqalelo. Umsebenzi karhulumente ufuna ukuphandwa, ukuze sazi banzi ngefuthe olenzayo eluntwini.”

UMhaule uthi isidanga sakhe seeMasters kwakuLawulo loLuntu wasenza kwiYunivesithi yasePitoli ngonyaka ka2012.

Kodwa uthi ukhethe iFort Hare kubuGqirhalwazi, ngenxa yembali yayo.

“Ndijonge imbali yale yunivesithi, ndaqonda ukuba ndifuna ukuba yinxalenye yoomakhwekhwetha abafunde eFort Hare. Ndivuya kakhulu ukuba yinxalenye nembali yaseFort Hare.”