Hehake ukuphangwa kwezithuthi zikaxakeka!

Inyanga yokubhiyozelwa kwamafa namagugu ezizwe zonke zoMzantsi Afrika ifikile, yonwatyelwa, yaze yagqitha nayo njengezinye. Zonke ke iinyanga zigqitha nezinto ezintle, ezimnandi, kwanezo zixhalabisayo ngaxesha linye.

Nale ke inyanga ibithwele izinto ezahlukileyo esinokuzincoma kwanezo zibashiye abanye bethu bemangalisiwe. Imisitho yokubhiyozelwa kwamagugu kwizwe lonke ibimihle kwaye ivuselele abantu abaninzi ekubeni bazingce ngobuntu babo nangemveli yabo.

Bekuthe bhazalala kwiindawo eziliqela kubhiyozelwa iilwimi zesintu; uncwadi lwemveli; isingqi nesingqisho sakwantu; imijelo yosasazo yeelwimi zesintu nemitsi eyidlalayo ekuphakamiseni iilwimi zesintu namasiko akwantu (apha ke singakhankanya sivuyisane nethole lomthonyama uGudla woMhlobo Wenene kwimpumelelo yakhe kumculo kamaskhandi), sibulele namaziko emfundo enomsila eMpuma Kapa aye abhiyozela ababhali boncwadi lwesiXhosa abafana nobawo uBB Mkonto nobawo uN Saule kwakule nyanga!

Ngaphandle kwale mitsi mihle ndiyikhankanyayo phakathi kwaleyo ibivuselela uthando lobuntu kuthi maAfrika, kwakule nyanga zibekho izinto ezifuna ukufaka isizwe kwiinzingo.

Amanani okukhula kobugebenga, ubudlwengu, ulwaphula-mthetho nokuxhatshazwa kwamanina nabantwana, amaziko obalo-manani aveze ukuba ezi ziganeko zimanyumnyezi ziye zanda kwakule nyanga yamagugu.

Kanye ngeli xesha bekumele ukuba siyahloniphana, siyaxhasana kwaye siyamanyana, kwiindawo ezininzi ezifana noomaCarletonville eGauteng; Motherwell eBhayi neNyanga eKapa, kuvakele izigigaba zokugetyengwa kwabantu okwandileyo, ukudlwengulwa kwamanina nabantwana kuquka nosana oluneminyaka emine kwisikolo sabo bantwana bangekaqali esikolweni, kwaze kwanda nokuphangwa kwezithuthi zikaxakeka ezi zijongene nokunceda nokuhlangula abantu abasemngciphekweni wokuphulukana nobomi ngenxa yeengozi nempilo enkenenkene.

Kuzo zonke ezi meko zimbi bezambethe isizwe kule nyanga yamagugu, ndingathanda ukugxila kule yokugqibela ndiyiveza ngentla apha, imeko yokwanda kokuphangwa kwezithuthi zoncedo, izithuthi zikaxakeka.

Ndigxila kule meko nje kukuba nathi silusapho lwamaNgwevu, siye sachaphazeleka kanobom yimeko yokulibaziseka kwezithuthi zikaxakeka, zilityaziswa kukunqongophala kwazo, phofu ke sezinqongophele nje kukuba ezininzi kuzo ziphangwe ngoonyana nabantakwethu abangoozungulichele abanyathela ngeengqondo endaweni yokucinga ngazo.

Udadethu uKholina Mavela, nobegula kakhulu, ube nelishwa lokungalandwa kwangethuba sisithuthi sikaxakeka esiyi-ambulensi, ngenxa yokunqaba kwazo, kangangokuba waya kufika kwisibhedlele saseMonti sele konakele, walishiya eli limagad’ahlabayo. Lala ngoxolo MaMngwevu, ntombi kaWonga nonoSinodi!

Asingodadethu yedwa ke ophulukene nobomi ngenxa yemeko yezithuthi zikaxakeka ezithatha ixesha ukufika kwindawo yexhwayela, baninzi kwaye zininzi neentsapho ezigxwalayo ngenxa yale meko.

KuLwesibini wale veki sisuka kuyo, kuphinde kwavakala ukuba kwindlela esuka eMotherwell ukuya eDaku eBhayi, kuphangwe esinye isithuthi sikaxakeka ebesileqisa abantwana abonzakeleyo.

Kolo phango nanjengoko kuhlala kusenzeka kulo lonke eli lizwe, abaqhubi namagosa ezempilo anika izigulane nabantu abahlelwe yingozi uncedo lokuqala, baxhonyiswe ngezixhobo.

Oko kuxhonyiswa kusenzelwa ukuba baphangwe baze bohluthwe izipaji, iiwotshi, iifoni kwanezinye izinto zabo ezinexabiso. Ngamanye amaxesha, la magosa eenkonzo zikaxakeka akupheleli nje ekubeni bohluthelwe zonke izinto zabo, baye babethwe, babotshelelwe ezigangeni, kuthathwe neso sithuthi sikaxakeka siye kushiywa kwindawo ekude nekungafikeleleki lula kuyo.

Xa sixhaphazana ngolu hlobo, kuphi ukwakhana kuthi, iphi imbeko phakathi kwethu, kuphi ukuxabisa uncedo esilufumanayo kwaba nyana babantu neentombi zabantu ezihlala zixolela ukuncama ubuthongo ukuze zincede uhlanga?

Ukubhiyozela amafa namagugu akunantsingiselo xa kwathina sixhaphazana, siphangana, sisenza izinto ezibangela ukuba iintsapho zilahlekelwe zizizalwane nezalamane.

Kukho abanoluvo lokuba amapolisa kumele akhaphe aze alandele emva kwezithuthi zikawonkewonke ukuze kusinde ukuphangwa kwezi zithuthi. Nale ikhe yazanywa kodwa ayaphumelela, kuba kaloku utsotsi norhunta ehleli nje ukhangela ithuba lokuba ngudyakalashe.

Ebesithi amapolisa ezama ukunceda abe kunye nezi zithuthi, oonqikilitye bamatshijolo bafumane ithuba lokuqhekeza, ukuphanga, nokuxhwila kwezinye indawo kuquka nakwizikhululo zamapolisa.

Masiphinde ke sizibuze lo mbuzo uhlaba kabuhlungu: Uninzi lokuphangwa kwezithuthi zoncedo nezikaxakeka ezifana nee-ambulensi nezicima-mlilo kunye nezo zihambisa impahla nefanitshala kwenzeka kweziphi iindawo ubukhulu becala?

Kwiindawo ezihlala thina mzi ontsundu okanye kwiindawo ezihlala abantu basemzini?

Ukuba impendulo yakho ithi kwiindawo zethu, elam lithi inene sisisizwe esingaxabisenanga, isizwe esingabhiyozelaniyo, nesizwe esibulalana sodwa! Kazi koda kube nini na!