I-Alfred Nzo iwonga abayo

Sihleli kwiholo laseMaluti. Kodwa soze utsho. Ubungafunga uthi useRhawutini okanye eKapa ndlela le ubundiliseke ngayo lo mcimbi.

Eneneni siseMaluti, kumawonga ezonxibelelwano neMedia ngokubanzi esixeko sikamasipala ombaxa weAlfred Nzo.

Umhla nguLwesihlanu. Aa! Jongilanga Sigcau, inkosi yamaMpondo, ikho kweli holo. Ukanti ngapha nguStella Ndabeni-Abrahams ongusekela mphathiswa kwezonxibelelwano lwaseMzantsi Afrika. Kwelinye icala kukho nejaji yenkundla yomgaqo-siseko yeli enguMbuyiseli Madlanga, oyinzalelwano yaseMt Frere. Ecaleni kwakhe kuhleli ingqonyela yabasebenzi kwisebe lezolimo, amahlathi nezolobo nowayesakuba ngumphathi we-arhente yophuhliso lwamajelo eendaba kunye nokwahlukahlukana, uLumko Mtimde.

Samkelwe ngusodolophu waseAlfred Nzo, * -Eunice Diko, phambi kokuba singene kusingaye wamawonga ahambe ngolu hlobo:

Ophumeleleyo njengomsasazi ogqwesileyo kunomathotholo i-Alfred Nzo Community Radio:

• Nombini “Mamisto” Maqelana

Ophumeleleyo njengomsasazi ogqwesileyo kunomathotholo Inkonjane FM:

• Mzuvukile Mzura Diko

Ophumeleleyo njengomsasazi ogqwesileyo kusasazo lweendaba kunomathotholo i-Alfred Nzo Community Radio:

• Mncedi Dzingwe

Ophumeleleyo njengomsasazi ogqwesileyo kusasazo lweendaba kunomathotholo Inkonjane FM:

• Andisiwe Maqutywa

Ophumeleleyo njenombhali webali lezophuhliso eligqwesileyo:

• UMafu ude wabonelelwa, Zoliswa Mayila wephephandaba Izwi Le Afrika

Eyona nkqubo kanomathotholo eqgwesileyo, eyenza iinguqu:

Ezoluntu iindaba, Inkonjane FM

Oyena masipala ugqwesileyo ekumiliseni iinkonzo zonxibelelwano:

• Matatiele Local Municipality

Ogqwese njengentatheli yephepha-ndaba lasekuhlaleni:

• Andile Nomabhunga, webali i-Informer ngebali elithi “No to Xenophobia”

Ogqwese njengomsebenzi wophuhliso loluntu:

• Ayanda Langa we-Umzimvubu Local Municipality

Ogqwese njengegosa lezonxibelelwano:

• Khoboso Lebenya weMatatiele Local Municipality

Ogqwese njengomsebenzi wophuhliso loluntu, owenza iinguqu eMatatiele:

• Nombulelo Mathambo

Ogqwese njengomsebenzi wophuhliso loluntu, owenza iinguqu eMbizana:

• Nomsa Margaret Gcoka

Ogqwese njengomsebenzi wophuhliso loluntu, owenza iinguqu eMzimvubu:

• Pretty Nonkonzo Hlaziya

Abaphumelele njengamagosa ezonxibelelwano agqwesileyo:

• Khoboso Lebenya weMatatiele Local Municipality

• Mlamli Mfana wesebe lophuhliso loluntu

Amawonga kasodolophu akhethekileyo aye ku:

• Mbuyiseli Madlanga

• Lumko Mtimde

• Chief Jongilanga Sigcau

• Ntombifuthi “Nomakhisimsi” Ncwayiba