I-SANEF ibongoza uZuma ngemeko yeentatheli eJiphete

Umbutho wabahleli beendaba kweli loMzantsi Afrika iSouth African National Editors Forum (SANEF) ibongoza umongameli weli uJacob Zuma ukuba angenelele ukuhlangula ubomi beentatheli ezintandathu ze Al-Jazeera ezigwetywe ubomi ngurhulumente waseJiphethe.

Ingxelo ithi urhulumente wela lizwe ugwebe isigwebo sobomi ezintathu kwezi ntatheli zingekho enkundleni.

Usihlalo walo mbutho Adriaan Bason uthi umbutho wabo ubongoza uZuma ukuba angenelele ukuze kuhlangulwe ezi ntatheli kuba eli linomgaqo-siseko okhusela amalungelo abantu nomqulu wamalungelo abantu kumbutho wamazwe aseAfrika (AU) awuhambisani neembono zelizwe laseJiphete.

Ezi ntatheli zigwetywe zingekho enkundleni ziquka Ibrahim Mohammed Helal, Alaa Omar Mohammed Sablan kunye no-Asmaa Mommed al-Khatib.

Inkampani yosasazo lukamabonakude iAl-Jazeera izichaze ezi zigwebo zala madoda ngelithi zikhohlakele ngeyona ndlela.

Esi sigwebo sala madoda sicinezela ngokucacileyo igunya lokuthetha ngokukhululekileyo likwajonge ukucinezela amajelo eendaba kweliya laseJiphete, itsho ingxelo.

“Ukungenelela kukaZuma kweli tyala kuyakuhambelana ngqo nezicwangciso eziqwalasela ukuguqulwa kwendlela ekwenziwa ngayo izinto eAfrika (iAfrican Peer Review),” uthethe oko uBasson.

Kwiminyaka emibini egqithileyo lo mbutho uthumele umqulu wezikhalazo zawo kumzi wozakuza waseJiphete osePitoli ukhalazela eli nyathelo, kodwa urhulumente waseJiphete uqhubekile nesigwebo nangona kunjalo.

Ilizwe laseJiphete liphakathi kwamazwe athe abangamaxhoba eziganeko zabanqolobi izihlandlo ezahlikileyo.

Umbutho we South African National Editors Forum uzame izihlandlo eziliqela ukuvakalisa ilizwi lamajelo eendaba kweli loMzantsi Afrika nakumazwe angaphandle.

UBasson uthi balindele impendulo ekhawulezileyo kwi-ofisi kamongameli uJacob Zuma malunga nesicelo sabo.