Ibesisifundo ushicelelo lwamanyala kaSesethu!

sesethu

Kwiveki ephelileyo amakhasi wonxibelelwano asasaze ushicilelo lentwazana eselula ngokweminyaka, enguSesethu, ebibonakala ize, iveze ilungu layo lobuntombazana, iliphulula ngeenjongo zokuthumela umfanekiso lowo kosisinqandamathe sakhe.

Olu shicilelo lulandelwe sisankxwe seembono ezohlukeneyo; bambi begxibha isenzo sale ntwazana ngelixa abanye beme ngakuyo besithi ibingenzeli ilizwe, ibisenzela umntu wayo.

Abafundi beSolezwe bavakalise ezabo iimbono kuFacebook kumbuzo wethu wokuba: Ingaba wena uyibone njani yonke le nto? Ucinga ukuba sesiphi isifundo esifanelwe ukufundwa ingakumbi ngabo basakhulayo kule mpazamo yale ntwazana?

USiyakuvuma Ngubelanga uthe: “Le nto mayibe sisifundo nakubani na ukuba ilungu langaphantsi aliyonto yokudlala kwaye funeka uzihloniphe ngomzimba wakho. Ewe ungambonisa umntu wakho nje ukumvisa kamnandi kodwa ungabuvezi ubuso bakho. Ukanye ungamenzela ifoto nalapho ubuso ungabuvezi. Abantu mabazi ukuba zikhona izinto zokudlala kodwa hayi ngamalungu angasese.”

UXolani Squtsu Ngantweni: “Imbi kakhulu le ndaba yalo mntwana! Isifundo esingakhuthazi kulungileyo konkekonke. Iqabane lakhe limhlazile uSesethu kodwa.”

Noluvo Mzuku Vovo: “Hayi ibuhlungu kakhulu into eyehlele lo mntwana, isihlaze sonke thina bantu babhinqileyo.”

Yamkela Maya Kumalo: “Yhuuu ndothuswe yikhumeme evele yagcwala iscreen andikwazanga ukuyibukela kukoyika! Ungafikuba sisinqandamathe sakhe esingcolileyo esi siyifake kumnatha. Ndoyika noyivula zindoyikisile izimvo zoluntu. Ndinexhala mhla ndazala intombi!”

Yanelisa kaAzola Spotose Ninzi: “Ngafika yiVideo yakudala le qha lo mfana ngenxa yomsindo wayipapasha… Apho ukhoyo maan Sesethu ube right ntombi!”

Ukanti ongumsasazi kamabonakude kwanonomathotholo uCriselda Dudumashe, emva kwesisithwakumbe, uye watyelela ikhaya likaSesethu eBhayi nalapho aye wancokola nalo ubuso ngobuso.

UDudumashe ubongoze ilizwe loMzantsi Afrika ukuba limxolele uSesethu kuba usemncinci.

Kubonakala ukuba uninzi lufundile kwesisithwakumbe.

abongile.ginya@inl.co.za