Ibhantinti: Inkolo yam ayivumi kuxokwe ngam!

UEsethu Mamlambo (27) ongutata womntwana ononyaka neenyanga ezisibhozo amdlwengulileyo de wabhubha eNtsimbini, eSajonisi kwiveki ephelileyo, uvele phambi kwenkundla ngoMvulo kule veki endlongondlongo kwaye esenza nje izinto ezothusayo, eziqabe ngelindle umzimba wonke ngaphakathi enkundleni.

UMtshutshisi uJustice Tsala uyalele ukuba uMamlambo ayokuhlolwa ngokwasengqondweni emva kohlobo aye waziphatha ngalo ngaphakathi enkundleni nakwisisele sakhe.

Ngaphakathi enkundleni, uMamlambo uxelele inkundla ukuba akangoEsethu yena ungu ‘Thabo Witbooi’. UTsala uxelele inkundla ukuba iziko lezempilo licele ukuba inkundla ibhalele isibhedlele saseMthatha ekubeni uMamlambo ahlolwe khona.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi uMamlambo uxelele inkundla kwiveki ephelileyo ngethuba eqala ukuvela ukuba uza kuzimela akafuni gqwetha kuba inkolo yakhe ayimvumeli ukuba omnye umntu axoke ngegama lakhe, kodwa kusenjalo kusaxoxwa ngalo nto yokuba engafuni gqwetha, uphinde wakhwaza, wajika esithi uyalifuna kuba akanamali, kodwa ufuna elithe ngqo kwaye elinenyaniso nelithembakeleyo.

UTyali uthi uMamlambo uwenzile umbhodamo enkundleni engafuni kuphuma de kwanyanzeleka ukuba atsalwe ngamapolisa, esithi ulifuna ngoku igqwetha akaphumi, kwaye ufuna eliza kukhawulezisa eli tyala liphele kwanamhlanje.

UMamlambo wabanjwa ngabahlali ngomhla wesithathu kule nyanga emva kokwenza isikizi lokudlwengula usana lwakhe oluyintombazana olwabhubhela esibhedlele. Ingxelo ithi uMamlambo ngolu suku adlwengula ngalo usana waqala ngokuba ndlongondlongo kwasekuseni ekhayeni efuna nokudlwengula unina.

UMamlambo uyabuyela kwakhona enkundleni kwiveki ezayo umhla wama23 eSajonisi.