IGift of the Givers incede umama osokolayo

Uvuyo, uncumo kwakunye neenyembezi kumama uNokhwezi Shotana (59) ngethuba umbutho wesisa owaziwayo iGift of the Givers kwakunye neli phephandaba bengena kweli khaya KwaNontshinga kuCentane, ngeenjongo zoyokolula isandla kweli khaya ngeepasile zokutya, iingubo, oomatrasi kwakunye neempahla zesikolo zabantwana.

IGift of the Givers iya emva kokubona imeko embi yentsokolo yalo mama kwikhasi likaFacebook leSolezwe. Lo mama, nongakwazanga ukuzibamba iinyembezi ngethuba ebona iimoto zingena kwakhe, uthe: “Hayi liyinene elithi uThixo unabantu bakhe. Xa indim ihlwempu elinje lindwendwelwe ngabantu abakhulu, zange ndayicinga. Bendisoloko ndisithi ndakuhlupheka de ndiyokubhubha. Le yimini yeemini kwaye nabantu ekuhlaleni baza kukhe baphumle ndim, into engangeenyanga ezintathu ekuceleni, kwaye kwakube sele kufika nexesha lokwamkela kwam inkamnkam,” utshilo uShotana.

UShotana uza kube eneminyaka engama60 ngenyanga kaCanzibe, oku kuthetha ukuba uza kube eselungelweni lokufumana inkamnkam, kungoko esithi oku kutya kuza kubagcina nabazukulwana bakhe ixesha elidana. Uthi xa bekuphela u2021 khange ayazi ukuba lo nyaka uza kuba mhle kanje kuye. Uthi uyabulela kuba emva kwebali leSolezwe walufumana uncedo olungumangaliso, amagosa kaSASSA nakarhulumente equqa kwakhe malunga namalungiselelo okumnceda akwazi ukufumana isibonelelo (foster) sabazukulwana bakhe ababini abangasenabo oomama.

USisonke (18) noliphelo kubantwana bakaShotana, owenza uGrade 9 kwaTyhali J.S.S nofumene izihlangu zesikolo, ijezi, ibhlukhwe kwakunye neencwadi, ebonakala ngokuncuma ukuba uyavuya, esithi baza kubuya benethemba xa bebuya esikolweni njengoko esithi bebekhe babuye engekho umama wabo esayokuzama ukutya. Uthi bebeye bancedwe kukutya esikolweni kube nzima xa kungekho ngolo suku ukutya kwesikolo. Abazukulwana ababini ababengayanga esikolweni babexhumaxhuma ngethuba uCorene Conradie weGift of the Givers ebanika iimpahla zabo zesikolo.

UConradie, noyiProject Manager kweli phondo kwiGift of the Givers, zange akwazi ukuzibamba naye iinyembezi xa wayebona lo mama elila kweli khaya. UConradie uthi abazenzi iiprojekhti zokunika umntu omnye ohluphekayo, banika iqela labantu abathe bahlaselwa yintlekele. “Kodwa ndaye ndachukumiseka ndakubona le meko kwimifanekiso yomfoti weli phepha, ndazibophelela ngokuthi siza kuthatha inxaxheba kuba injongo yethu kukuhlangula abantu, andinakuyeka ndibona abantwana nogogo wabo benje,” utshilo uConradie.

Isithethi soMasipala woMnquma, uLoyiso Mpalantshane, uthi umba kaShotana wokwakhelwa kwakhe indlu uqwalaselwe nanjengoko iSebe leziNdlu ephondweni limfake kuluhlu lwabantu abaphila kwiimeko zabahlelelekileyo okanye ezenkxwaleko.

IGift of the Givers yaphuma yaya kwisikolo esifunda omnye wabazukulwana balo mama iSiseko Primary, yashiya intaphane yeencwadi kwakunye neepasile zokutya ezinokuthi zithathe iinyanga eziliqela. Kwesi sikolo safika inqununu ingekho kusithiwa iyagula, ootitshala kusithiwa bemkile basedolophini. Samkelwa kwesi sikolo ngabantwana kwakunye nabo baqeshelwe ukuncedisa ezikolweni ngeli xesha leCovid-19 babizwa ngokuba ziiEAs.