IBhayi libhiyozela uMadiba

UMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay unemibhiyozo entsuku-mbini yokukhumbula ukuzalwa kowayesakuba ngumongameli wokuqala omnyama kweli uNelson Mandela ukusukela namhlanje ukuyokutsho ngomso umhla weshumi elinesibhozo nelisuku ngqo lokuzalwa kukaMadiba.

USodolophu uDanny Jordaan ekhatshwa ligqiza lakhe bazakube beyinxalenye nabahlali abazakube besenza utshintsho kuluntu olungathathi ntweni kwakunye nomohluko eluntwini ukuchitha lamizuzu ingamashumi amathandathu anesixhenxe kummandla waseBhayi. Kwezi nkqubo zizakube zisenziwa eBhayi, zibambisene ne-ofisi yenkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle, kwakunye namanye amasebe karhulumente kuquka amapolisa. Kwezinye zoluhlu lwezinto abazakube bezenza namhlanje ngentsimbi yokuqala bazakube bazakundwendwela uGogo uNkambi nobegqiba iminyaka elikhulu kwakunye neshumi elinesibini ubudala (112), nalapho kuzakube kucocwa indlu yakhe.